31 Emva koko uDavide wathi kuJowabhi kwakunye nabantu bonke ababenaye: “Zikrazuleni izambatho zenu, ninxibe amarhonya, nimzilele uAbhinere.”Kumngcelele womngcwabo ukumkani uDavide ngenkqu wayelandela idlaka.
32 Wangcwatyelwa eHebron uAbhinere. Ukumkani walila ezimathontsi apho engcwabeni lika-Abhinere, batsho bonke abantu balila nabo.
33 Kuloo mngcwabo ka-Abhinere ukumkani uDavide wavuma ingoma yesililo ethi:“Yini na ukuwa njengesidenge, Abhinere?
34 Izandla zakho bezingabotshwanga;iinyawo zakho bezingaqanyangelwanga.Kum ingathi uwiswe bubugwinta bamatshijolo.”Baqala emva ukugixa abantu.
35 Bonke abantu babemcenga yonke loo mini uDavide, ukuba kubekho into ayityayo, kodwa uDavide wafunga esithi: “Makandohlwaye uThixo, nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba ndithe, lingekatshoni ilanga, ndangcamla isonka nokuba yiyiphi na enye into etyiwayo.”
36 Abantu baba nomgqalisela ngale nto, yabakholisa; ewe, yonke into awayenzayo ukumkani yabakholisa.
37 Kwacaca ngaloo mini kumaSirayeli ephela ukuba ukumkani wayengazani konke nokufa kuka-Abhinere unyana kaNere.