3 Abemi balapho basabela eGitayim, apho bahlala khona kude kube ngoku bengabangeneleli.
4 UJonatan unyana kaSawule wayenonyana osisiqhwala kwiinyawo zombini. Wayeminyaka mihlanu ukufa kukayise-mkhulu uSawule noJonatan uyise. Kwathi ukufika kodaba lokufa kwabo, luvela eYizereli, yothuka yamfunqula ibaleka ineni yakhe, waphuncuka wawa, kuba kaloku yayingxamile. Waba sisiqhwala ke loo mntwana. Igama lakhe lalinguMefibhoshete.
5 Basuka ke uRekabhi noBhana oonyana bakaRimon waseBheroti, benjenjeya ukuya kwaIshbhoshete, bafika khona emini emaqanda, ngexesha esangqengqile, ephumle ngokwesiqhelo sakhe emini ngelo xesha.
6 OoRekabhi noBhana bangena endlwini phakathi ngokungathi beze nengqolowa, basuka bamhlaba esiswini, baza basaba.
7 Kaloku bathi ngqo ngomandlalo kaIshbhoshete, bafika bamgwaza bamosela esalele njalo. Bamnqumla intloko, bahamba nayo ubusuku bonke, batyhutyha loo ntili yaseJordan.
8 Bafika eHebron, loo ntloko bayisa kukumkani uDavide, bathi: “Mhlekazi, nantsi intloko kaIshbhoshete unyana walaa mchasi wakho uSawule ubekade ezungula ubomi bakho. Namhlanje *uNdikhoyo, mhlekazi, ukuvulele ukuba ubuyise izitya nawe kwinzala kaSawule.”
9 UDavide wabaphendula uRekabhi nomntakwabo uBhana oonyana bakaRimon waseBheroti, wathi: “Ekho nje uNdikhoyo obekade endikhulula kuzo zonke iingxingwa, inene,