13 Nguye ke oya kulakhela indlu igama lam, ndiluzinzise ulawulo lombuso wakhe ngonaphakade.
14 Mna ndiya kuba nguyise kuye, yena abe ngunyana wam, xa onile abantu ndiya kubenza intonga endimohlwaya ngabo nemivumbo endimbetha ngabo.
15 Inceba yam ayisayi kuze ishenxe kuye njengokuba ndênjenjalo kuSawule endamsusa esihlalweni ukuze kungene wena.
16 Indlu yakho ndiya kuyizinzisa, ubukumkani bakho buhlale buhleli, ulawulo lwakho luhlale ngonaphakade.’ ”
17 Ke uNatan waya kuxelela uDavide onke amazwi alo mbono.
18 Ke kaloku ukumkani uDavide wangena waya kuhlala phambi *koNdikhoyo, waza wathi: “Kuxa ndingubani mna, Nkosi yam Ndikhoyo? Iyintoni yona indlu yam, ukuba ude uze kundibeka kule ndawo ndikuyo ngoku?
19 Kanti ke akwanelanga ukwenjenjalo kuphela, Nkosi yam Ndikhoyo: ngoku uthetha nangekamva lendlu yesicaka sakho. Ngaba le yindlela yakho omphatha ngayo umntu, Nkosi yam Ndikhoyo?