1 UDavide wathi: “Ngaba akusekho nampunde na iseleyo kumzi kaSawule? Ndifuna ukuyenzela inceba ngenxa kaJonatan.”
2 Kwakukho isicaka sakwaSawule apho, uZibha igama. Kwathiwa masiye phambi kokumkani. Wasibuza ukumkani sakufika wathi: “UnguZibha wena?”Saphendula sathi: “Ewe, ndinguye umkhonzi wakho.”
3 Uqhube wathi ukumkani: “Ngaba kusekho impunde ekhoyo endlwini kaSawule? Ndifuna ukubonakalisa inceba kaThixo kuyo.”UZibha wathi kukumkani: “Ewe, kusekho unyana kaJonatan; nto nje ulimele iinyawo zombini.”
4 Ukumkani wathi kuye: “Uphi apho akhoyo?”UZibha wathi kukumkani: “Uhlala kwaMakire, unyana ka-Amiyeli, eLodebhare.”
5 Ke ukumkani uDavide wamsusa uMefibhoshete endlwini kaMakire unyana ka-Amiyeli eLodebhare.
6 Akufika phambi kokumkani uDavide, uMefibhoshete unyana kaJonatan unyana kaSawule wathi guqaqa ngobuso, wakhahlela kukumkani. UDavide wathi: “Mefibhoshete!”Yena wathi: “Ndim, mna sicaka sakho.”
7 Uthe kuye uDavide: “Uze ungoyiki. Ndifuna ukukwenzela inceba ngenxa kayihlo uJonatan. Umhlaba kayihlo-mkhulu uSawule ndifuna ukuwubuyisela kuwe, yaye ndifuna udle etafileni yam lonke ixesha.”