6 Akufika phambi kokumkani uDavide, uMefibhoshete unyana kaJonatan unyana kaSawule wathi guqaqa ngobuso, wakhahlela kukumkani. UDavide wathi: “Mefibhoshete!”Yena wathi: “Ndim, mna sicaka sakho.”
7 Uthe kuye uDavide: “Uze ungoyiki. Ndifuna ukukwenzela inceba ngenxa kayihlo uJonatan. Umhlaba kayihlo-mkhulu uSawule ndifuna ukuwubuyisela kuwe, yaye ndifuna udle etafileni yam lonke ixesha.”
8 Ubuye wakhahlela uMefibhoshete, wathi: “Mhlekazi, uyintoni na umkhonzi wakho ukuba uthathe ingqalelo ngenja efileyo enjengam nje?”
9 Ukumkani wabiza uZibha isicaka sikaSawule, wathi kuye: “Yonke into yakwaSawule inkosi yakho ndiyinika umzukulwana wakhe uMefibhoshete.
10 Nguwe ke kunye noonyana bakho nezicaka zakwakho abaza kusebenza kulaa mhlaba wenkosi yakho uSawule, nilimele usapho lwakhe, nilondle ngaloo ndlela. Yena ke uMefibhoshete, umzukulwana wenkosi yakho, wohlala esitya isonka etafileni yam.” Wayeneshumi elinesihlanu loonyana uZibha, kunye namashumi amabini ezicaka.
11 UZibha wathi kukumkani: “Isicaka sakho siya kukwenza konke umhlekazi inkosi yam asiyalela isicaka sakhe ukuba sikwenze.” Ke uMefibhoshete wayesitya etafileni kaDavide ngokungathi ungomnye woonyana bakakumkani.
12 Wayenomntwana oyinkwenkwe uMefibhoshete, ogama linguMika. Bonke abantu ababehlala kwaZibha baba zizicaka zikaMefibhoshete.