13 UOteniyeli, unyana kaKenazi umninawa omncinci kaKalebhi, wasithimba ke eso sixeko, waza ke uKalebhi wayendisela kuye intombi yakhe uAkesa.
14 Bakuba betshatile wacenga uOteniyeli amvumele acele umhlaba kuyise. Wehla kwidonki awayekhwele kuyo uAkesa, waza uKalebhi wambuza wathi: “Kwenzeke ntoni?”
15 Wathi ukuphendula uAkesa: “Ndicela intsikelelo. Kaloku umhlaba ondinike wona ukwindawo ebharhileyo. Nceda undinike imithombo.” UKalebhi ke wamnika imithombo engasentla nengasezantsi.
16 Inzala kayise womka-Mosis, umKeni, yahamba nendlu kaJuda ukuphuma kwisiXeko samaSundu, yaya kumhlaba oyintlango ezantsi kweArade kwelakwaJuda, yaza ke yema phakathi kwabantu balapho.
17 Ke uJuda noSimon badibana, baza bawoyisa amaKanana awayehlala eZefati. Eso sixeko basivuthulula, basitshabalalisa, baza basithiya igama eliyiHoma.
18-19 *UNdikhoyo wayinceda indlu kaJuda, yawuthatha umhlaba okweleentaba. Phofu abakwaJuda zange babe nako ukubagxotha abantu ababemi kwintili egudle ulwandle, kuba babeneenqwelo ezenziwe ngentsimbi. Izixeko zabo ibiyiGaza, iAshkelon, ne-Ekron, zinemimandla yazo.
20 Ngokomlomo kaMosis iHebron yanikwa uKalebhi, owagxotha izindlu ezintathu khona ezaziyinzala ka-Anaki.