1 UJefta, igorha lejoni laseGiliyadi, wayengunyana wehenyukazi elithile. Uyise uGiliyadi
2 wayenabanye oonyana, bezalwa ngumkakhe; bathi bakukhula bamgxotha uJefta. Bathi kuye: “Wena awunakuzuza lifa kwindlu katata; kaloku uzalwa mfazi wumbi.”
3 Wasaba ke uJefta kubantakwabo, waya kuhlala kumhlaba waseTobhi. Apho ke kwabuthelana kuye iindlavini ezithile, zaza zaba ngamahlakani akhe.
4 Ekuhambeni kwethuba ke ama-Amon alwa namaSirayeli.
5 Kuthe ke kwakuba nje amadoda amakhulu aseGiliyadi asuka alanda uJefta eTobhi,
6 athi: “Yiba yinjengele yethu, khon' ukuze sibe nako ukulwa nama-Amon.”