26 Ngamakhulu amathathu eminyaka uSirayeli emi eHeshbhon naseAruri nakwiidolophu ezikuloo mmandla, ngokunjalo nakwizixeko eziphezu komlambo iAnoni. Ubukade uwuyekeleni lo mhlaba?
27 Hayi bo, andikhange ndikwenze nto mna! Nguwe onxaxhayo ngokundihlasela. UNdikhoyo uMgwebi makagwebe ngokwakhe namhlanje phakathi kwamaSirayeli nama-Amon.’ ”
28 Kambe ke ukumkani wama-Amon zange alukhathalele olu daba lukaJefta.
29 Ke uJefta wafikelwa nguMoya kaNdikhoyo. Wanqumla iGiliyadi nommandla wakwaManase, waya kutsho eMizpa eGiliyadi, waza ke waphuma apho waya kuhlasela ama-Amon.
30 UJefta wabhambathisa kuNdikhoyo wathi: “Ukuba ngenene uwanikele kum ama-Amon,
31 into yokuqala ephume endlwini yam yandihlangabeza xa ndibuya sekuluxolo iya kuba yekaNdikhoyo; ndiya kuyenza idini elitshiswayo.”
32 Ngoko ke waphuma uJefta, waya kulwa nama-Amon, waza ke uNdikhoyo wawanikela esandleni sakhe.