4 Ke uJefta wawaqokelela amaGiliyadi, walwa nawo amaEfrayim, wawoyisa. (AmaEfrayim ke athi: “Nina maGiliyadi niziimbacu eziphuma kwaEfrayim nakwaManase.”)
5 Ke kaloku amaGiliyadi avingca amazibuko eJordan, khon' ukuze amaEfrayim angaweli asabe. Kuthe ke, yakufika imbacu yakwaEfrayim, isithi kumaGiliyadi: “Khanindivumele ndiwele,” ayibuze athi: “Akunguye kodwa umEfrayim?” Ukuba iphendule yathi: “Hayi,”
6 amaGiliyadi ayesithi kuye: “Khawuthi: ‘Shibholethi.’ ” Ukuba ungumEfrayim ebesuka angakwazi ukulibiza eli gama, koko athi: “Sibholethi.” Ayesuka amtsibele umntu lowo, ambulale apho ezibukweni leJordan. Ngelo thuba ke kwabulawa amaEfrayim angamashumi amane anambini amawaka.
7 Yaba yiminyaka emithandathu uJefta eyinkokheli kwaSirayeli, waza ke wasweleka, wafihlwa ekhayeni lakhe eGiliyadi.
8 Emva koJefta uIbzan waseBhetelehem waba yinkokheli kwaSirayeli.
9 Wayenoonyana abangamashumi amathathu neentombi ezikwangako. Iintombi zakhe wazendisela kwezinye izizwe; waza ngokunjalo noonyana bakhe wabathathela iintombi kwezinye izizwe. Wayeyinkokheli kwaSirayeli iminyaka esixhenxe uIbzan,
10 waza ke wasweleka wangcwatywa eBhetelehem.