1 Ke kaloku amaSirayeli aphinda amona *uNdikhoyo, waza ke yena wawanikela ezandleni zamaFilistiya amashumi amane eminyaka.
2 Ke kaloku kwakukho umfo waseZora ogama linguManowa. Yena wayengowendlu kaDan. Umkakhe wayelidlolo, engafumani bantwana.
3 Ke isithunywa sikaNdikhoyo sabonakala kuye, saza sathetha naye sathi: “Njengoko ungazanga waba namntwana, ngoku uza kukhawula, uze ufumane unyana.
4 Uyabona ke, kufuneka uzigcine, ungaseli wayini natywala, ungatyi nanye into engavunyelwanga ngumthetho kaThixo.