11 Waphakama ke uManowa, walandela umkakhe. Wafika wayibuza ke indoda wathi: “Ungulaa mfo wayethethe nenkosikazi yam?”“Ndinguye,” watsho umfo lowo.
12 Waqhuba ke uManowa wathi: “Ke, akuba ezalisekile la mazwi akho, imelwe kukuziphatha njani inkwenkwe leyo, yenze ntoni?”
13 Saphendula ke isithunywa sikaNdikhoyo sathi: “Nakanjani na umkakho makenze njengoko ndimyalele.
14 Into ephuma emdiliyeni makangayifaki emlonyeni, angaseli wayini natywala, angayityi nento engavunyelwanga ngumthetho kaThixo. Makakunyamekele konke endimyalele kona akwenze.”
15 Ke uManowa wathi kwisithunywa sikaNdikhoyo: “Khawuhlale, khon' ukuze ndikuxhelele itakanana lebhokhwe.”
16 Ke sathi kuye: “Nokuba ndingade ndihlale, sobe ndikutye ukutya kwakho. Into ongayenzayo wena kukwenzela uNdikhoyo idini elitshiswayo.” Kaloku uManowa wayengaqondi ukuba sisithunywa sikaNdikhoyo esi athetha naso.
17 UManowa ke wasibuza isithunywa sikaNdikhoyo wathi: “Kakade ke ungubani igama lakho? Kuba ke sifuna ukukuwonga akuzaliseka la mazwi akho.”