8 Ke kaloku uManowa wathandaza kuNdikhoyo, wathi: “Ngxe, Nkosi yam, khawuphinde umthumele umfo wakwaThixo obumthumile, eze kusifundisa ukuba siyiphathe kanjani na inkwenkwe leyo yakuvela.”
9 UThixo ke wenza ngokwesicelo sikaManowa, isithunywa sakhe sabuya seza kumkakhe esemasimini, phofu yena uManowa engekho.
10 Ke umfazi wakhawuleza waya kuxelela indoda yakhe, wathi: “Laa mfo ubeze kum ngalaa mini uphinde wabonakala!”
11 Waphakama ke uManowa, walandela umkakhe. Wafika wayibuza ke indoda wathi: “Ungulaa mfo wayethethe nenkosikazi yam?”“Ndinguye,” watsho umfo lowo.
12 Waqhuba ke uManowa wathi: “Ke, akuba ezalisekile la mazwi akho, imelwe kukuziphatha njani inkwenkwe leyo, yenze ntoni?”
13 Saphendula ke isithunywa sikaNdikhoyo sathi: “Nakanjani na umkakho makenze njengoko ndimyalele.
14 Into ephuma emdiliyeni makangayifaki emlonyeni, angaseli wayini natywala, angayityi nento engavunyelwanga ngumthetho kaThixo. Makakunyamekele konke endimyalele kona akwenze.”