9 UThixo ke wenza ngokwesicelo sikaManowa, isithunywa sakhe sabuya seza kumkakhe esemasimini, phofu yena uManowa engekho.
10 Ke umfazi wakhawuleza waya kuxelela indoda yakhe, wathi: “Laa mfo ubeze kum ngalaa mini uphinde wabonakala!”
11 Waphakama ke uManowa, walandela umkakhe. Wafika wayibuza ke indoda wathi: “Ungulaa mfo wayethethe nenkosikazi yam?”“Ndinguye,” watsho umfo lowo.
12 Waqhuba ke uManowa wathi: “Ke, akuba ezalisekile la mazwi akho, imelwe kukuziphatha njani inkwenkwe leyo, yenze ntoni?”
13 Saphendula ke isithunywa sikaNdikhoyo sathi: “Nakanjani na umkakho makenze njengoko ndimyalele.
14 Into ephuma emdiliyeni makangayifaki emlonyeni, angaseli wayini natywala, angayityi nento engavunyelwanga ngumthetho kaThixo. Makakunyamekele konke endimyalele kona akwenze.”
15 Ke uManowa wathi kwisithunywa sikaNdikhoyo: “Khawuhlale, khon' ukuze ndikuxhelele itakanana lebhokhwe.”