2 Yathetha nonina, yathi: “Ngokuya wawubelwe ishumi elinanye leesiliva ndakuva ushwabula. Kambe ke ikum loo mali; yathathwa ndim.”Unina wamsikelela, wathi: “*UNdikhoyo makakuthamsanqele, nyana wam.”
3 Waza ke unyana lowo wayibuyisela kunina loo mali. Ke yena unina wathi: “Le mali ngoku yekaNdikhoyo; ndiyinikezela kuye ukuze unyana wam aqingqe umfanekiso, utyatyekwe ngesiliva, kwanomfanekiso otyhidiweyo. Ngoko ke le siliva ndiyibuyisela kwakuwe.”
4 Imali leyo wayibuyisela kunina ke, yena wathatha amakhulu amabini kuloo siliva, wawanika ingcibi, eyakrola umfanekiso otyatyekwe ngesiliva, yenza nomnye otyhidiweyo. Wabekwa endlwini kaMika.
5 Lo mfo unguMika ke wayenesibingelelo sakhe. Wenza imifanekiso eqingqiweyo ndawonye *nesidanga, waza wamisela omnye koonyana bakhe wangumbingeleli.
6 Ke kaloku ngelo thuba kwakungekho kumkani kwaSirayeli; umntu ngamnye wayesenza unothanda.
7 Kwangelo thuba kwakukho umfana womLevi owayehlala eBhetelehem engumngeneleli kwelakwaJuda.
8 Waphuma ke eBhetelehem, efuna indawo anokuxhwarha kuyo. Esabhadula njalo waya kugaleleka kwaMika kweleentaba lakwaEfrayim.