1 Ngelo thuba ke uSirayeli wayengenakumkani. Ke yona indlu kaDan yayisazifunela umhlaba owawuza kuba lilifa layo, kuba ukuza kuthi ga ngoku yayingekafumani mhlaba ungowayo njengezinye izindlu zikaSirayeli.
2 Ngoko ke amaDan akhetha amagorha amahlanu awaziwayo, amela isizwe sawo siphela. Awakhupha eZora nase-Eshtawoli, awayala athi: “Hlolani ilizwe elo.”Athi akufika kweleentaba lakwaEfrayim, alalisa kwaMika.
3 Athe elapho akunakana ukubetha kolwimi lomfana womLevi, aza aya kuye, abuza athi: “Uzokwenza ntoni apha? Uze nabani?”
4 Uphendule wathi: “Hayi, ndilapha nje ndinezigqibo noMika; undiqeshe ukuba ndibe ngumbingeleli wakhe.”