5 UGidiyon ke waya nawo emanzini apho, waza uNdikhoyo wathi kuye: “Wahlula-hlule la madoda; yonke indoda esela amanzi ngokuwakha ngesandla, ngathi yinja ixhaph' amanzi, yahlule kuleyo icambalalayo xa iselayo.”
6 Ke kaloku amadoda awakha ngezandla amanzi xa aselayo aba ngamakhulu amathathu; aza ke amanye lawo acambalala xa aselayo.
7 UNdikhoyo ke wathi kuGidiyon: “Uyabona ke ngoku ndiza kunihlangula ngala makhulu mathathu axhapha amanzi, ndiwanikele ezandleni zakho la maMidiyan. Amanye la amadoda makagoduke.”
8 Ngoko ke uGidiyon wawagodusa amaSirayeli, ngaphandle kwalaa makhulu mathathu awawugcina umphako ngokunjalo nezigodlo ebezize namanye. Ke wona amaMidiyan ayemise kwintili esezantsi kwabo.
9 Ngobo busuku ke uNdikhoyo wathetha noGidiyon wathi: “Yihla uye ekampini yamaMidiyan; ndiwanikela esandleni sakho.
10 Kambe ke, ukuba uyoyika, khawuthathe isicaka sakho uPura, niye kuwakrobela.
11 Uya kuthi wakuziva iincoko zawo utsho ube nesibindi, uwahlasele.”Ngoko ke uGidiyon noPura isicaka sakhe behla baya kutsho emdeni wekampu yotshaba.