29 Akwaba ibindim okhokela esi sizwe; bendiya kumsusa uAbhimeleki lo! Bendiya kumxelela ndithi: ‘Mawube ngathi uyaqina umkhosi wakho, uphume, khe sidibane.’ ”
30 Akuyiva into ethethwe nguGali wacaphuka uZebhule usibonda weso sixeko.
31 Wathumela izigidimi ngasese kuAbhimeleki eAruma, wathi: “UGali unyana kaEbhede nabantakwabo bagalelekile apha eShekem; baxhokonxa abantu khon' ukuze bakuchase.
32 Ngoko ke wena thatha umkhosi wakho, nihambe ngobusuku, nilalele emaphandleni.
33 Ngomso, xa lithi chapha, ze nivuke nisiqubule nisihlasele isixeko. Aze athi ke uGali nomkhosi wakhe akuphuma esiza kulwa nenze oko isandla senu sinako ukukwenza.”
34 Ngenene ke uAbhimeleki waphuma nomkhosi wakhe ngobusuku, baza bazimela ngaphandle kwaseShekem, bengamaqela amane.
35 Bathe ke ooAbhimeleki bakumbona uGali ephuma esiya kuma esangweni lesixeko, nabo baphuma ezikhundleni zabo.