8 Kambe ke yena uDaniyeli wenza isigqibo sokuba angazixabheli ngokutya nangeziselo zalapho ebhotwe. Ngoko ke wacela kwintloko yamaphakathi akomkhulu ukuba avunyelwe ukungazixabheli ngoku kutya.
9 Ngenene ke uThixo wayenza intloko yamaphakathi akomkhulu ukuba ivelane noDaniyeli, ibe nenceba kuye,
10 yona yathi kuye: “Ndiyayoyika inkosi yam ukumkani othe ngokwakhe wayalela ngento emaniyitye nemaniyisele. Ngoko ke, xa enokunifumana imbonakalo yenu ingekho kumgangatho omnye nabafana abaziintanga zenu, mna angandibulala.”
11 Ngoko ke uDaniyeli waya kuthetha negosa elalibekwe phezu koDaniyeli noHananiya noMishayeli noAzariya yintloko yamaphakathi leyo, wathi:
12 “Khawusilinge iintsuku zibe lishumi, usityisa kuphela imifino, sisela amanzi,
13 emva kwazo ke uthelekise imbonakalo yethu neyoogxa bethu abatya kwimbiza kakumkani, ubone ke ukuba thina bakhonzi bakho masithiweni.”
14 Nalo ke lavuma ukulwenza olo vavanyo lweentsuku ezilishumi.