Udaniyeli 7 XHO96

UDaniyeli uphupha amarhamncwa amane

1 Ngonyaka wokuqala engukumkani eBhabheli uBhelshazare uDaniyeli waphupha iphupha wafikelwa ngumbono engqondweni yakhe elele emandlalweni. Walibhala iphupha, esalatha ingcombolo yalo,

2 wathi: “Embonweni wam ebusuku ndabona kubhudla imimoya, ivela macala omane, yaza ke yaluduba nolwandlekazi.

3 Suka ke kwathi gqi qhaphu amarhamncwa amane amakhulu, ephuma elwandle, elo nelo lahlukile kwelinye.

4 “Elokuqala lalifana nengonyama, koko linamaphiko njengokhozi. Ndithe ndisabukele suka amaphiko lawo ancothuka. Laza ke elo rhamncwa laphakanyiswa emhlabeni, lamiswa ngeenyawo ngokomntu. Kananjalo lasuka lanengqondo yomntu.

5 “Kwakhona kwathi gqi irhamncwa lesibini linjengebhere, limi liziphakamisile ngelinye icala. Emlonyeni laliphethe iimbambo ezintathu ngamazinyo alo. Kwathiwa kulo: ‘Phakama, utye inyama kangangoko!’

6 “Emva koko, ndisabukele njalo, kwathi gqi elinye elalifana nengwe. Kambe ke lalinamaphiko amane angathi ngawentaka, kananjalo lineentloko ezine. Lanikwa amagunya okulawula.

7 “Kwakhona ke kumbono wam wasebusuku ndakhangela, kwee gqi elesine irhamncwa. Lalisoyikeka, lirhwaqelisa, liyingwanyalala. Lalitsho ngeengxavula zamazinyo entsimbi. Amaxhoba alo laliwakroboza liwathi nqwam-nqwam ngaloo mazinyo, amasalela liwanyhashe ngeenyawo. Lalingafani namanye la, yaye lalineempondo ezilishumi.

8 Ndisazijongile ezi mpondo kwathi thaphu olunye uphondo oluncinci apho phakathi kwezinye, zatsho zancothuka ezintathu kwezo mpondo zazikho kakade. Olu phondwana ke lwalunamehlo njengomntu, kananjalo lunomlomo luthetha izinto ezinkulu kakhulu.”

INyange elimihla ingapheliyo kunye nonyana womntu

9 “Ndithe ndisabukele njalo suka kwee rhwelele izihlalo,laza ke neNyange elimihla ingapheliyo lathatha isihlalo salo.Izambatho zalo zazimhlophe ngokwekhephu;ke zona iinwele zalo zazinjengoboya obucikizekileyo begusha.Isihlalo salo sasingamadangatye ngumlilo,simi ngamavili angumlilo ovuthayo.

10 Kwakumpompoza umlambo ongumlilo,unkcenkceza uphuma apho kuso.Ewe, iNyange eli laliphahlwe ngamawaka-waka,kuzizigidi ngezigidi zimi phambi kwalo.Yaqalisa ke inkundla,zaza zavulwa iincwadi.

11 “Ndasoloko ndibukele, kuba kaloku olo phondwana lwaluthetha izinto ezinkulu kakhulu. Ndisabukele njalo ke elo rhamncwa labulawa, isidumbu salo satshiswa ngomlilo.

12 Ke wona amanye amarhamncwa ahluthwa amagunya, noko ke olulelwa ukuphila okwethutyana elimisiweyo.

13 Ndisabukele njalo kuwo loo mbono wasebusuku ndabona kusiza ofana nonyana womntu, esiza ephahlwe ngamafu. Ke kaloku waya kufika kwelo Nyange elimihla ingapheliyo, wasondezwa phambi kwalo.

14 Waza ke wathiwa jize ngamagunya, amawonga, nobukumkani, zaza zonke izizwe, iintlanga, nabantu beelwimi ngeelwimi, zamkhonza. Ubukhosi bakhe ke babungunaphakade bungenasiphelo, nombuso wakhe ungenakudaka.”

Ukuchazwa kwemibono

15 “Mna Daniyeli ndakhathazeka emoyeni, waza lo mbono ofikele engqondweni yam wanditsho ndanxunguphala.

16 Ndasuka ke ndaya komnye wababemi apho, ndamcela ukuba andichazele inyaniso yayo yonke le ngcombolo. Ke yena wandityhilela intsingiselo yazo zonke ezi zinto, wathi:

17 ‘La marhamncwa axela imibuso emine eya kuvela emhlabeni.

18 Abantu abangcwele bakaPhezukonke ke bona baya kuzuza ulawulo, lube lolwabo kude kube ngunaphakade kanaphakade.’

19 “Kananjalo ke ndafuna ukuqonda ngeli rhamncwa lesine, elo lalingafani namanye – laa ngwanyalala yoyikekayo, le yayitsho ngamazinyo entsimbi neenzipho zobhedu, eyayiwakroboza iwathi nqwam-nqwam amaxhoba, isuke iwanyhashe ngeenyawo amasalela.

20 Ndafuna nokuqonda mayela nezo mpondo zilishumi zazisentlokweni yalo, ngokunjalo nangolo phondo lwaphuma kamva, kwaza kwancothuka iimpondo ezintathu. Nditsho uphondo olwabonakala lulukhulu kunamanye, lunamehlo nomlomo, luthetha izinto ezinkulu kakhulu.

21 Ke kaloku, ndisabukele njalo, olo phondo lwabahlasela abantu abangcwele bakaThixo laboyisa,

22 kwada kwafika iNyange elimihla ingapheliyo, laza labagwebela abo bangabantu abangcwele bakaPhezukonke. Kananjalo ke lasuka lathwasa ixesha lokuba ulawulo lube lolwabantu bakaThixo.

23 “Waqhuba ke endichazela esithi: ‘Eli rhamncwa lesine ngumbuso wesine oya kubakho apha emhlabeni. Wona awuyi kufana neminye. Wona uya kulinqwamza ihlabathi liphela, ulinyhashe, ulikroboze.

24 Ezo mpondo zilishumi ke zithetha ookumkani abalishumi abaya kuvela kuloo mbuso. Kananjalo emva kwabo kuya kuvela omnye ukumkani owahlukileyo kwabo bamanduleleyo. Ke yena uya kuboyisa ookumkani abathathu.

25 Uya kuthetha amazwi achasene noPhezukonke, abatshutshise abantu abangcwele bakaPhezukonke. Uya kuzimisela ukuyijika imithetho yabo, ngokunjalo namaxesha amatheko abo. Abantu abangcwele bakaPhezukonke ke baya kunikelwa esandleni sakhe ithuba elimisiweyo elingamaxesha amathathu anesiqingatha.

26 “ ‘Kambe ke inkundla yaphezulu iya kuhlangana, imhluthe ulawulo lwakhe, lutshitshiswe, luphele ngonaphakade.

27 Ke kaloku ubukhosi namagunya nobuhandiba bazo zonke izikumkani zehlabathi buya kunikezelwa kubantu abangcwele abalusapho lukaPhezukonke. Ke kaloku ulawulo lwaloo mbuso aluyi kuba nasiphelo, zaye ke zonke izikumkani zehlabathi ziya kuwuthobela ziwululamele.’

28 “Iphela apha ke le ngcombolo. Mna Daniyeli ndothuke gqitha ndakucinga ngezi zinto, bada nobuso bam bathi rhubaxa. Kambe ke yonke le nyewe ndayigcina entliziyweni yam, ndayetyisa.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12