Udaniyeli 11 XHO96

1 Ngonyaka wokuqala wokulawula kukaDariyo umMedi ndenza isigqibo sokuba ndimxhase, ndimkhusele.”

Ukumkani wangezantsi nowangentla

2 “Olu daba ndikwazisa lona luyinyaniso. Uyabona, ePeshiya kuseza abanye ookumkani abathathu. Ke yena owesine uya kubabetha bonke abanye aba ngobutyebi. Xa athe womelela ngobo butyebi bakhe uya kubaxhokonxa abanye, ukuze kuvukelwane nombuso wamaGrike.

3 “Kweso sithuba ke kuya kuvela igorha lokumkani, alawule ngamagunya, esenza unothanda.

4 Kuya kuthi ke, xa umbuso wakhe sowumile ngxishi, usuke uqhekeke, wahluka-hlukane kwiimbombo zone zelimiweyo. Loo mbuso wakhe uya kutshitsha mpela, endaweni yakhe kungene ookumkani abangelilo igazi lakhe, futhi benganeno kuye ngamandla.

5 “Ke kaloku ukumkani wasezantsi uya kuba ngumfo owomeleleyo, kodwa enye yeenjengele zakhe iya kuthi chatha ngokomelela, nombuso wayo utshatshele.

6 Ekuhambeni kweminyaka ke ukumkani wasezantsi uya kwenza imvumelwano nokumkani wasentla, amendisele nentombi yakhe ukuwuqinisa loo mnqophiso. Kambe oko kwalamana kwabo akuyi kuhambela ndawo, koko intombi leyo iya kuphelelwa yimpembelelo yayo, noyise angabi sakhathalelwa. Yena neempelesi zakhe, kunye nowakwakhe noyise, baya kunikezelwa ngelo xesha.

7 “Emva koko ke ubukhosi buya kuthathwa sisizalwana sakowayo loo ntombi. Loo kumkani ke uya kuhlasela ukumkani wasentla, atsho phakathi enqabeni yakhe, ambethe amoyise.

8 Ke kaloku uya kuthimba izithixo zabo, nemifanekiso yabo etyhidiweyo, nazo zonke izinto ezixabisekileyo ezenziwe ngesiliva nezegolide, zibe ngamaxhoba, agoduke nazo aye eJiputa. Yoba yiminyaka ethile ke esamphumlele ukumkani wasentla.

9 Ukumkani wasentla ke yena uya kuxhoba aye kuhlasela ukumkani wasezantsi, kambe ke aphinde abuyele emhlabeni wakhe.

10 Oonyana bakhe ke baya kuxhobela imfazwe, bahlanganise umkhosi omkhulu. Lo mkhosi uya kuvuthuza ukhukulise ngathi ziimpuphuma, ulidudule idabi lide liye enqabeni yotshaba.

11 “Ukumkani wasezantsi uya kusukela phezulu ngomsindo, afunzele kukumkani wasentla, oya kuhlanganisa umkhosi omkhulu, kodwa wona uya koyiswa.

12 Ukumkani wasezantsi uya kutsho azingce ke ngolo loyiso, kuba ebulele amawaka-waka amajoni; kambe ke akayi kuhlala esoyisa.

13 Kaloku ukumkani wasentla uya kubuya ahlanganise umkhosi othe nyi kunowakuqala, aze emva kweminyaka abuye nelo hlokondiba lomkhosi wakhe, exhob' ef' amacala.

14 “Ngelo thuba boba baninzi abamvukelayo ukumkani wasezantsi. Zoba zininzi nezakuni izibhoja ezimvukelayo ngenjongo yokuphumelelisa umbono othile; kodwa ke ziya kutshatyalaliswa.

15 Ke yena ukumkani wasentla uya kuza, afike isixeko esinqatyisiweyo asakhele udonga lokuhlasela, aze asithimbe. Amajoni asezantsi sobe abe nako ukumelana naye, noompondo-zihlanjiwe bawo boyisakale baphelelwe ngamandla,

16 aze ke lowo uhlaselayo azenzele ukuthanda, kungasekho kuxhathisa. Uya kuzizinzisa kwilizwe eliliqhayiya, libe sezandleni zakhe ngokupheleleyo.

17 “Ngoko ke uya kuzimisela ukuphuma nomkhosi wakhe uphelele. Ukulwaphul' iimpondo utshaba lwakhe uya kwenza imvumelwano nokumkani wasezantsi, aze azalamanise naye ngentombi ekhethiweyo. Kambe nelo icebo aliyi kuphumelela; liya kufadalala.

18 Kamva ke uya kuhlasela izizwe ezigudle ulwandle, azithimbe ezininzi. Kambe ke kovela injengele ethile, iziphelise iintlondi azenzileyo, yena angabi nako ukuziphindezela.

19 Kothi ke, kwakuba njalo, abuyele kwiinqaba zelakowabo. Kanti ke nalapho uya kukhubeka awe, iphel' intw' ibithethwa.

20 “Ukumkani omlandelayo uya kukhupha oonothimba ngenjongo yokulondoloza ubuhandiba basebhotwe. Ngexeshana elingephi naye uya kubulawa, phofu kungengangxabano nadabi.”

Ukumkani okhohlakeleyo wangentla

21 Isithunywa eso ke saqhuba sathi: “Endaweni yakhe ke kuya kungena umfo odelekileyo ongenaso isidima sobukhosi. Uya kungena kungekho mntu ulindeleyo, ubukhosi abuthathe ngobuqhophololo.

22 Uya kubatshayela bonke abamchasayo, atshabalalise netshawe lomnqophiso.

23 Uya kubakhohlisa abo avumelene nabo, azuze isikhundla esiphezulu, nakuba singephi isizwe sakowabo.

24 Uya kuhlasela imihlaba etyebileyo, ingalindelanga, abe nempumelelo egqwesa eyooyise neyooyise-mkhulu. Ke amaxhoba nako konke akufumeneyo emfazweni uya kukwabela abantu bakhe. Phofu koba lixeshana nje ezimisele ediliza iinqaba.

25 “Uya kuhlanganisa umkhosi omkhulu, azimisele ngamandla, ahlasele ukumkani wasezantsi. Nowasezantsi lowo ke uya kuxhobela imfazwe, amhlangabeze ngomkhosi omkhulu nowomeleleyo. Kambe ke, ngenxa yokuthiyiselwa ngamaqhinga, akayi kuba nampumelelo.

26 Uya kwenzakaliswa ngawona maphakathi adla esithebeni sakhe, uze umkhosi wakhe uvuthululwe uphele, babe baninzi abafayo.

27 Abo kumkani babini bohlala phantsi batye kunye, babhunge, iintliziyo zabo zityekele ebubini, bekhohlisana. Kambe ke yonke loo migudu yabo ayiyi kunceda nto, kuba selimiselwe imini yesiphelo sabo.

28 Lo wasentla ke ukumkani uya kugoduka exhakazela ngamaxhoba, kodwa intliziyo yakhe ichasene nabantu abanqophisene noThixo. Uya kubahlasela, aze abuyele kwelakowabo.

29 “Ke kaloku ngexesha elimisiweyo uya kuphinda ahlasele elasezantsi, koko ke zingalekelani izisulu.

30 Kaloku kuya kuvela iinqanawe kwelasentshonalanga, zimxine, ade arhoxe. Ekubuyeni kwakhe ke uya kuba sisifu, abahlasele abantu abanqophisene noThixo. Uya kusuka aqhogane nâbo bakreqileyo kulo mnqophiso.

31 Umkhosi wakhe uya kusuka uyixabhele inqaba eyindlu kaThixo, uwanqamle amadini emihla ngemihla, uze umisele into elisikizi eliphanzisayo.

32 Ngamazwi akhe okulalisa uya kubathiyisela abo bakreqileyo kumnqophiso kaThixo; ke bona abamaziyo uThixo baya kubambelela kumnqophiso bawugcine.

33 Ke zona iinkokheli zabantu ezinobulumko ziya kululeka abantu abaninzi. Kambe ke okwethutyana zoba sisisulu sekrele, umlilo, ukuthinjwa, nokuphangwa.

34 Ngexesha laloo nkxwaleko zozuza uncedo olungephi, nangona uninzi luya kuzibandakanya nazo luhanahanisa.

35 Ezinye zezo zilumko ke ziya kukhubeka, kodwa ke loo nto iya kuba luvavanyo, khon' ukuze zihlambuluke, zingabi nasici, kude kube sisiphelo esiya kufika ngexesha elimisiweyo.

36 “Ukumkani lowo ke uya kwenza ukuthanda kwakhe. Uya kuzigwagwisa azenze mkhulu kunabo bonke oothixo, ade alophoze intlamba elumezayo ngoThixo woothixo. Uya kuqhuba njalo ke enempumelelo, lide lifezeke ixesha lengqumbo, kwenzeke konke okumisiweyo.

37 Soze akhathalele noothixo booyise, ngokunjalo nalowo ulangazelelwa ngabafazi. Ewe, akayi kukhathalela namnye uthixo, kuba uya kuzenza mkhulu kunabo.

38 Nto aya kuyenza kukunqula uthixo weenqaba – thixo lowo ke wayengaziwa nangooyise. Kodwa ke yena uya kumzukisa ngegolide, isiliva, namatye anqabileyo, nezinye izinto ezixabisekileyo.

39 Uya kuhlasela iinqaba ezomeleleyo, ekholose ngalo thixo wakhe wasemzini. Uya kubawonga abo bamvumayo lo thixo, aze ababeke ezikhundleni eziphezulu, abavuze ngemihlaba esisipho.

40 “Xa lisondelayo ixesha lesiphelo, ukumkani wasezantsi uya kuqubisana naye edabini, kodwa ke lo wasentla uya kuhla indulumbane kuye ngomkhosi weenqwelo, owamahashe, noweenqanawa. Uya kuzingenela azihlasele izizwe ezininzi, ukufika komkhosi wakhe kube ngathi kukugaleleka kwesikhukula.

41 Ewe, uya kude ahlasele nelizwe eliliqhayiya, oyise nezizwe ezininzi. Ke wona amaEdom namaMowabhi, kwakunye necandelo elikhulu lama-Amon, aya kuphuncuka esandleni sakhe.

42 Amagunya akhe aya kunabela kwizizwe ezininzi, ngokunjalo ke neJiputa ayiyi kusinda.

43 Uya kubuthimba ubutyebi baseJiputa, oozigolide, oozisiliva, nazo zonke izinto zakhona ezixabisekileyo. AmaLibhi namaKushe nawo uya kuwaphul' iimpondo.

44 Ke kaloku uya kothuswa ngamarhe avela empuma nakwelasentla, aze ke anduluke ngequbuliso efuthekile, ahambe esenza iziqwenga, abulale inkitha yabantu, etshabalalisa nje.

45 Ke iintente zakhe zobukhosi uya kuzigxumeka azimise phakathi kolwandle nentaba eliqhayiya engcwele, aze ke adibane nesiphelo sakhe, kungekho namntu uya kumhlangula.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12