Udaniyeli 12 XHO96

Ukusongwa kwamaxesha

1 Isithunywa eso ke saqhuba sathi: “Ngelo thuba ke ingqwayi-ngqwayi yezithunywa uMikayeli, lo ungumalusi wamawenu, uya kuvela. Ke kaloku kuya kuthwasa ithuba leenkxwaleko, kunyembeleke ngendlela engazange yabakho ezimbalini zobukho bezizwe. Ngelo xesha ke abantu besizwe sakowenu – abo bamagama abhaliweyo encwadini – baya kusindiswa.

2 Abaninzi ke kwabo sebelele kobandayo baya kuvuka; abanye babo baya kuvukela ukuxhamla ubomi obungasoze buphele, baze abanye bavukele kubomi behlazo obumanyumnyezi obungenasiphelo.

3 Ke kaloku iinkokheli ezinobulumko ziya kukhanya ziqaqambe njengesibhakabhaka, baze abo bakhokelele abaninzi kwihambo elungileyo bakhazimle babengezele njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade.

4 “Kambe ke, wena Daniyeli, ezi ndaba mazibe zezakwamkhozi, uyitywine incwadi leyo kude kube sekusongweni kwamaxesha, xa abaninzi baya kunyuka besihla bezama ukufumana ulwazi oluphangaleleyo ngezi zinto.”

5 Ndaza ke mna Daniyeli ndakhangela, phambi kwam ndabona amanye amadoda amabini emi elunxwemeni lomlambo ngapha nangapha.

6 Enye ke yabuza kweso sithunywa sambethe ilinen, eso sasimi phezu kwamanzi omlambo, yathi: “Ngaba iya kuba lithuba elingakanani ukuze zifezekiswe ezi zinto zimangalisa kangaka?”

7 Ke isithunywa eso sambethe ilinen, eso sasimi phezu kwamanzi omlambo, saphakamisela ezulwini esokunene nesasekhohlo isandla, ndasiva sifunga uThixo uSonini-nanini, sisithi: “Iya kuba lithuba elimisiweyo elingamaxesha amathathu anesiqingatha. Ekufezekeni kwexesha, xa sele bophulwe amandla abantu abangcwele, zonke ezi zinto ziya kuba sezifezekisiwe.”

8 Ndayiva loo nto sasiyithetha isithunywa, kodwa andayilandela. Ngoko ke ndathi: “Kambe ke, nkosi yam, yoba yintoni isiphelo sayo yonke le nto?”

9 Saphendula ke sona sathi: “Khawuyekelele, Daniyeli! Kaloku ezi ndaba zezakwamkhozi; zitywiniwe lide lifike ithuba lokusongwa kwamaxesha.

10 Abantu abaninzi baya kuhlanjululwa, bacoceke, bacikizeke; ke bona abantu abakhohlakeleyo baya kuqhubela phambili ngenkohlakalo yabo. Xa bebonke abakhohlakeleyo baya kuncitheka bangaqondi; ke zona izilumko ziya kuqonda.

11 “Ke kaloku ukusukela kwixesha lokunqanyulwa kwamadini emihla ngemihla nelokubekwa kwelo sikizi liphanzisayo yoba yimihla eliwaka makhulu mabini namashumi alithoba.

12 Kambe ke, hayi inyhweba yalowo ulinde ngomonde de kufike isiphelo semihla eliwaka elinamakhulu amathathu mashumi mathathu nantlanu!

13 “Ke wena qhubela phambili kude kube sekupheleni. Uya kuphumla; kodwa ke ekusongweni kwamaxesha ubuye uvuke, wamkele isabelo selifa lakho.”

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12