Udaniyeli 5 XHO96

Umbhiyozo kaBhelshazare

1 Ukumkani uBhelshazare wenzela iwaka lezikhulu zakhe ingxikela yombhiyozo, wasela iwayini kunye nazo.

2 Ithe ke isakuvakala intselo apho kukumkani wathi makulandwe izitya zegolide nezesiliva ezazithinjwe nguyise uNebhukadenezare endlwini kaThixo eJerusalem. Xa bebonke ke, ukumkani nezikhulu zakhe, nabafazi bakhe, ngokunjalo namaqadi akhe, babeza kutyela kuzo.

3 Ngenene ke zeziswa ezo zitya zegolide ezazithinjwe endlwini kaThixo eJerusalem, wasela ngazo ukumkani nezikhulu zakhe, ndawonye namakhosikazi akhe kunye namaqadi akhe.

4 Basela iwayini, basuka badumisa oothixo abenziwe ngegolide, nabesiliva, abobhedu, abentsimbi, abomthi, nabelitye.

5 Kuthe kusenjalo ke kwasuka kwathi gqi iminwe yesandla somntu, yabhala eludongeni malunga nendawo eyayihlala isibane apho ebhotwe. Ke ukumkani wasibukela eso sandla sibhalayo.

6 Le nto ke ukumkani yamothusa watsho wee rhubaxa, yadideka ingqondo yakhe, wangenwa yingevane, watyhwatyhwa, namadolo abetha-bethana.

7 Ukumkani ke wakhwaza ngamandla ukuba kubizwe oosiyazi, iingcali zeenkwenkwezi, kunye nezanuse, waza wathi kwezi zilumko zaseBhabheli: “Umntu othe wanako ukuwufunda lo mbhalo, wawuchaza nento oyithethayo, uya kuvathiswa umnweba omsobo, athiwe gatya umxokelelwana wegolide entanyeni, aze enziwe owesithathu kubalawuli beli lizwe.”

8 Zafika ke izilumko zikakumkani, kodwa zonke zaxakwa kukuwufunda loo mbhalo, yayinqaba nokuchaza intsingiselo yawo.

9 Hayi ke, woyika ngokugqithisileyo ukumkani uBhelshazare, nobuso bakhe bathi rhubaxa ngakumbi, zaye nezikhulu zakhe zididekile.

10 Akuyiva ingxokozelo eyayisenziwa ngukumkani nezikhulu zakhe ukumkanikazi wangena apho kuloo ndlu yombhiyozo, wabhekisa kukumkani, wathi: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani! Hayi, musa ukoyikiswa kangaka ziingcinga zakho, ujike nebala lobuso bakho.

11 Kaloku kwalapha kulo mbuso wakho ukho umfo onomoya woothixo abangcwele. Ngexesha lokulawula kukayihlo lo mfo wazibonakalisa ukuba unengqiqo, nolwazi oluphangaleleyo, nobulumko obufana noboothixo. Ke yena uyihlo uNebhukadenezare wammisela wayingqonyela yabenzi bemilingo, oosiyazi, iingcali zeenkwenkwezi, kunye nezanuse.

12 Lo mfo ubalasele ngobulumko nolwazi nokuqiqa, enobuchule ekutyhileni amaphupha, ekusombululeni amaqhina, nasekuqwabululeni iintsonkotha. Igama lakhe nguDaniyeli, kodwa ke yena ukumkani wathi nguBhelteshazare. Biza yena; uya kukuchazela intsingiselo yalo mbhalo.”

Ukuchazwa kombhalo

13 Walandwa, kweziwa naye ke uDaniyeli apho kukumkani, owathetha naye wenjenje: “Ngaba unguDaniyeli, omnye wabathinjwa belakwaJuda abeza nobawo ukumkani?

14 Ndivile ke ukuba ungumfo owambathiswe ngomoya woothixo, onengqiqo, nolwazi oluphangaleleyo, nobulumko obubodwa.

15 Izilumko noosiyazi ndibabizile ukuba beze kufunda lo mbhalo, bandichazele nentsingiselo yawo, kodwa boyisiwe.

16 Ndivile ukuba unako ukuchaza intsingiselo yezinto, ukhulule namaqhina. Ukuba ngoku unokundifundela lo mbhalo, undichazele nentsingiselo yawo, ndingakuthi wambu ngomnweba omsobo, uthiwe gatya nomxokelelwana wegolide, umiselwe ube ngowesithathu kubalawuli beli lizwe.”

17 UDaniyeli ke waphendula wathi kukumkani: “Ungazidubi ngokundinika izipho; okanye ke zinike mntu wumbi! Ke wona umbhalo lo, ndiza kumfundela ukumkani, ndimchazele nento oyithethayo.

18 Mhlekazi! Uyihlo uNebhukadenezare wanikwa intonga yobukhosi nguThixo uPhezukonke, wamenza mkhulu, wamthi jize ngobungangamsha nobuhandiba.

19 Ngangobukhulu awayebunikiwe abantu bezizwe zonke, iintlanga, neelwimi ngeelwimi, xa bebonke, babekhahlela kuye bengcangcazela besoyika. Athanda ukumbulala wayembulala, amsindise athanda ukumsindisa. Wayemnyusela athanda ukumphakamisa, aze amkhiqe athanda ukumthoba.

20 Kodwa ke wathi akuthiwa lwale likratshi, yaqaqadeka intliziyo yakhe kukuzidla, suka wakhiqwa wahlukana nesihlalo sakhe sobukhosi, bahluthwa nobungangamsha bakhe.

21 Ewe kaloku, wagxothwa eluntwini, watsho wabulwanyanarha. Wahamba waya kuhlala neembongolo zasendle, watya ingca njengeenkomo, elalelwa ngumbethe wezulu. Wada ke wavuma ukuba nguThixo uPhezukonke ozilawulayo izirhulumente zabantu, ikwanguye omisela kuzo loo mntu athanda ukummisela.

22 “Kambe ke wena, Bhelshazare, nyana wakhe, uthe uyazi yonke le ngcombolo akwazithoba.

23 Ndaweni yaloo nto usuke wayidela iNkosi yezulu. Uthe makulandwe izitya zendlu yayo, waza ngokunjalo wasela iwayini ngazo, wena nezikhulu zakho, abafazi bakho, namaqadi akho, waza wabadumisa oothixo abenziwe ngegolide, abesiliva, abobhedu, abentsimbi, abomthi, nabelitye; nangona bengaboni, bengeva, futhi bengaqiqi nokuqiqa. Kuyo yonke le nto uThixo okusesandleni sakhe ukuphefumla kwakho nolawula yonke imeko yobomi bakho, zange umhlonele.

24 Eso ke sisizathu esibangele ukuba uThixo athumele eso sandla sibhale lo mbhalo.

25 “Nantsi ke into ebibhaliwe: ‘Inani, inani; ubunzima; ukwahlula-hlula.’

26 Nantsi ke intsingiselo yala magama: ‘Inani’: uThixo ulibalile inani lemihla yolawulo lwakho, yaye ke uyinqamle.

27 ‘Ubunzima’: wena ubekwe esikalini, baza ubunzima bakho bafumaneka bunganeno.

28 ‘Ukwahlula-hlula’: urhulumente wakho wahlula-hlulwe wanikwa amaMedi namaPeshiya.”

29 Ngoko nangoko ke ukumkani uBhelshazare wayalela ukuba uDaniyeli anxitywe umnweba omsobo, athiwe gatya umxokelelwana wegolide entanyeni. Waza ke wammisela wangowesithathu kubalawuli bobukumkani.

30 Kanye ngobo busuku uBhelshazare ukumkani wamaKaledi lowo wabulawa,

31 waza ke umbuso wathathwa nguDariyo umMedi owayemashumi mathandathu anambini eminyaka ubudala.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12