Udaniyeli 8 XHO96

Inkunzi yegusha neyebhokhwe

1 Ke kaloku xa ukumkani eBhelshazare wayekunyaka wesithathu elawula, ndaphinda mna Daniyeli ndanomnye umbono emva kwalaa mbono wokuqala.

2 Kulo mbono ke ndazifumana ndikwisixeko esinqatyisiweyo iShushan, esithilini sase-Elam. Ndabona ndimi phezu komlambo iUlayi.

3 Apho ke phezu kwaloo mlambo ndabona nantso inkunzi yegusha eneempondo ezimbini ezinde kunene. Olunye lwazo ke lwalulude kunolunye, kodwa lona lwaluphume mva.

4 Le nkunzi ke ndayibona ilekuza ngezo mpondo, ibhekisa ngasentshona, ngasentla, nangasezantsi. Ewe, kwakungekho silwanyana sinako ukumelana nayo, kungekho ndlela yakusinda kuyo. Yayisenza unothanda, isiba nkulu ngokuba nkulu.

5 Ke kaloku ndathi ndisacamanga ngalo mbono, suka kwathi gqi inkunzi yebhokhwe entshonalanga, icanda lonke elimiweyo, iqakatha ngokungathi amanqina akafiki emhlabeni. Yayinogqajolo lophondo, lulapha phakathi kwamehlo.

6 Yasinga kulaa nkunzi yegusha ineempondo ezimbini ndandiyibone imi phezu komlambo, yangqala kuyo ngamandla inoburhalarhume.

7 Hayi ke, yayihlasela inomsindo, iyingquba kangangokuba yazaphula ezo mpondo zenkunzi yegusha zombini. Inkunzi yegusha yayingenawo amandla okumelana nayo. Yakhahlelwa phantsi inkunzi yegusha leyo, yanyhashwa ngamanqina, kungekho bani unokuyihlangula emandleni enkunzi yebhokhwe.

8 Le nkunzi yebhokhwe yakhula yaba nkulu ngokugqithisileyo. Ke, xa yayisencotsheni yamandla ayo, suka lwantlekeka lwaphuka shwaqa olo gqajolo lophondo lwayo. Endaweni yalo ke kwaphuma ezinye iimpondo ezingayiwayo zane, zikhangele kwiimbombo zone zehlabathi.

9 Kolunye lwezi mpondo kwantshula olunye uphondo olwaqala luluncinane, lwaza lwakhula lwabhekisa ngasezantsi nangasempuma nangakwilizwe eliliqhayiya.

10 Lwakhula ke lwafikelela nakumkhosi wezulu, lwayikhahlela phantsi emhlabeni inxalenye yeenkwenkwezi layinyhasha.

11 Ewe, lwada lwafunza kuyo neNjengele yomkhosi wezulu, latsho lawaphelisa namadini atshiswayo enzelwa yona imihla ngemihla. Ewe kaloku, lada laxabhela nendawo eyingcwele yayo.

12 Ngenxa yovukelo yolu phondo umkhosi wezulu wanikezelwa kulo, xeshikweni amadini atshiswayo emihla ngemihla lwawaphelisayo, luluphosa phantsi unqulo lokwenene. Ewe, lwaba nempumelelo kuyo yonke into oluyenzayo.

13 Ke kaloku ndeva izithunywa zezulu zithetha, esinye sibuza sisithi: “Yoba lixesha elingakanani na ukuze ezi zinto zikulo mbono zizaliseke? Nditsho lo mbono malunga nokupheliswa kwamadini atshiswayo emihla ngemihla, novukelo oluphanzisayo, nokuxovulwa ngeenyawo komkhosi wezulu nendawo eyingcwele.”

14 Sathi kum: “Koba kukuhlwa nokusa okungamawaka amabini anamashumi amathathu ukuze indawo eyingcwele ihlanjululwe ibuyele kundalashe.”

UGabriyeli uchaza umbono

15 Ke kaloku mna Daniyeli ndathi ndisacamanga ngalo mbono, ndifuna ukuqonda intsingiselo yawo, suka ndabona into embonakalo ngathi yindoda imi apho phambi kwam.

16 Kananjalo ndeva ilizwi lomntu likhwaza apho emlanjeni iUlayi lisithi: “Gabriyeli, mxelele lo mntu intsingiselo yaloo mbono.”

17 Ngenene ke uGabriyeli weza kweli cala ndimi kulo, kwathi esiza njalo mna ndasuka ndawa ndacambalala emhlabeni ndisoyika.Ke yena wabhekisa kum wathi: “Mntundini, yazi ukuba lo mbono ubhekiselele kwixesha lesiphelo.”

18 Ngelo xesha athethayo ke mna ndandilele tywaa zisemkile! Ngoko ke yena wandibamba wandichukumisa ndema ngeenyawo,

19 wathi: “Ndikubonisa izinto eziya kwenzeka ngomhla wokugqibela wengqumbo kaThixo. Kaloku lo mbono ubhekiselele kwixesha elimisiweyo lesiphelo.

20 “Laa nkunzi yegusha uyibonileyo impondo-mbini imele ookumkani bamaMedi nabamaPeshiya.

21 Yona inkunzi yebhokhwe exhonti imele ookumkani bamaGrike. Olwaa gqajolo lophondo luphakathi kwamehlo ngukumkani wokuqala wawo.

22 Eziya mpondo zine ziphumileyo lwakuba lwaphukile oluya lokuqala, zimele imibuso emine eya kuphuma kulawulo lokumkani wokuqala. Yona ke iya kuba nganeno kwalo wokuqala ngokomelela.

23 “Uyabona ke, kuya kuthi xa ulawulo lwaloo mbuso lusiya esiphelweni, xa uvukelo selufikele encotsheni, kuvele ukumkani obuso bungwanyalala, oyincutshe yamaqhinga.

24 Uya kukhula omelele, kodwa engakwenzi oko ngawakhe amandla. Uya kwenza intshabalalo engathethekiyo; konke akwenzayo kophumelela. Kwanâbo bomeleleyo uya kubatshabalalisa, nditsho kwanabantu abangcwele abalusapho lukaThixo.

25 Uya kuphumelela ngamaqhinga, amandla akhe abe bubuqhetseba. Uya kuba ngumfo ozingcayo, abatshabalalise abantu abaninzi bengakulindelanga oko. Uya kuvukela nditsho neTshawe lamatshawe; kambe ke uya kutshatyalaliswa, phofu kungengasandla samntu.

26 Ke kaloku lo mbono malunga nokuhlwa nokusa, lo uwutyhilelweyo, uyinyani. Kambe ke wena uze ungawudizi; uthetha ngemihla esekude ezayo.”

27 Ke mna Daniyeli ndatsho ndaphelelwa ngamandla, ndaba neentsukwana ndigula. Phofu ke ndabuya ndaphakama ndaya kumsebenzi wam endandiwuphathiswe ngukumkani. Kambe ke ndahlala ndikhwankqisiwe ngulo mbono kungekho bani unokuwuqonda.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12