14 “Ngelo thuba boba baninzi abamvukelayo ukumkani wasezantsi. Zoba zininzi nezakuni izibhoja ezimvukelayo ngenjongo yokuphumelelisa umbono othile; kodwa ke ziya kutshatyalaliswa.
15 Ke yena ukumkani wasentla uya kuza, afike isixeko esinqatyisiweyo asakhele udonga lokuhlasela, aze asithimbe. Amajoni asezantsi sobe abe nako ukumelana naye, noompondo-zihlanjiwe bawo boyisakale baphelelwe ngamandla,
16 aze ke lowo uhlaselayo azenzele ukuthanda, kungasekho kuxhathisa. Uya kuzizinzisa kwilizwe eliliqhayiya, libe sezandleni zakhe ngokupheleleyo.
17 “Ngoko ke uya kuzimisela ukuphuma nomkhosi wakhe uphelele. Ukulwaphul' iimpondo utshaba lwakhe uya kwenza imvumelwano nokumkani wasezantsi, aze azalamanise naye ngentombi ekhethiweyo. Kambe nelo icebo aliyi kuphumelela; liya kufadalala.
18 Kamva ke uya kuhlasela izizwe ezigudle ulwandle, azithimbe ezininzi. Kambe ke kovela injengele ethile, iziphelise iintlondi azenzileyo, yena angabi nako ukuziphindezela.
19 Kothi ke, kwakuba njalo, abuyele kwiinqaba zelakowabo. Kanti ke nalapho uya kukhubeka awe, iphel' intw' ibithethwa.
20 “Ukumkani omlandelayo uya kukhupha oonothimba ngenjongo yokulondoloza ubuhandiba basebhotwe. Ngexeshana elingephi naye uya kubulawa, phofu kungengangxabano nadabi.”