25 “Uya kuhlanganisa umkhosi omkhulu, azimisele ngamandla, ahlasele ukumkani wasezantsi. Nowasezantsi lowo ke uya kuxhobela imfazwe, amhlangabeze ngomkhosi omkhulu nowomeleleyo. Kambe ke, ngenxa yokuthiyiselwa ngamaqhinga, akayi kuba nampumelelo.
26 Uya kwenzakaliswa ngawona maphakathi adla esithebeni sakhe, uze umkhosi wakhe uvuthululwe uphele, babe baninzi abafayo.
27 Abo kumkani babini bohlala phantsi batye kunye, babhunge, iintliziyo zabo zityekele ebubini, bekhohlisana. Kambe ke yonke loo migudu yabo ayiyi kunceda nto, kuba selimiselwe imini yesiphelo sabo.
28 Lo wasentla ke ukumkani uya kugoduka exhakazela ngamaxhoba, kodwa intliziyo yakhe ichasene nabantu abanqophisene noThixo. Uya kubahlasela, aze abuyele kwelakowabo.
29 “Ke kaloku ngexesha elimisiweyo uya kuphinda ahlasele elasezantsi, koko ke zingalekelani izisulu.
30 Kaloku kuya kuvela iinqanawe kwelasentshonalanga, zimxine, ade arhoxe. Ekubuyeni kwakhe ke uya kuba sisifu, abahlasele abantu abanqophisene noThixo. Uya kusuka aqhogane nâbo bakreqileyo kulo mnqophiso.
31 Umkhosi wakhe uya kusuka uyixabhele inqaba eyindlu kaThixo, uwanqamle amadini emihla ngemihla, uze umisele into elisikizi eliphanzisayo.