32 Ngamazwi akhe okulalisa uya kubathiyisela abo bakreqileyo kumnqophiso kaThixo; ke bona abamaziyo uThixo baya kubambelela kumnqophiso bawugcine.
33 Ke zona iinkokheli zabantu ezinobulumko ziya kululeka abantu abaninzi. Kambe ke okwethutyana zoba sisisulu sekrele, umlilo, ukuthinjwa, nokuphangwa.
34 Ngexesha laloo nkxwaleko zozuza uncedo olungephi, nangona uninzi luya kuzibandakanya nazo luhanahanisa.
35 Ezinye zezo zilumko ke ziya kukhubeka, kodwa ke loo nto iya kuba luvavanyo, khon' ukuze zihlambuluke, zingabi nasici, kude kube sisiphelo esiya kufika ngexesha elimisiweyo.
36 “Ukumkani lowo ke uya kwenza ukuthanda kwakhe. Uya kuzigwagwisa azenze mkhulu kunabo bonke oothixo, ade alophoze intlamba elumezayo ngoThixo woothixo. Uya kuqhuba njalo ke enempumelelo, lide lifezeke ixesha lengqumbo, kwenzeke konke okumisiweyo.
37 Soze akhathalele noothixo booyise, ngokunjalo nalowo ulangazelelwa ngabafazi. Ewe, akayi kukhathalela namnye uthixo, kuba uya kuzenza mkhulu kunabo.
38 Nto aya kuyenza kukunqula uthixo weenqaba – thixo lowo ke wayengaziwa nangooyise. Kodwa ke yena uya kumzukisa ngegolide, isiliva, namatye anqabileyo, nezinye izinto ezixabisekileyo.