Udaniyeli 12:1-7 XHO96

1 Isithunywa eso ke saqhuba sathi: “Ngelo thuba ke ingqwayi-ngqwayi yezithunywa uMikayeli, lo ungumalusi wamawenu, uya kuvela. Ke kaloku kuya kuthwasa ithuba leenkxwaleko, kunyembeleke ngendlela engazange yabakho ezimbalini zobukho bezizwe. Ngelo xesha ke abantu besizwe sakowenu – abo bamagama abhaliweyo encwadini – baya kusindiswa.

2 Abaninzi ke kwabo sebelele kobandayo baya kuvuka; abanye babo baya kuvukela ukuxhamla ubomi obungasoze buphele, baze abanye bavukele kubomi behlazo obumanyumnyezi obungenasiphelo.

3 Ke kaloku iinkokheli ezinobulumko ziya kukhanya ziqaqambe njengesibhakabhaka, baze abo bakhokelele abaninzi kwihambo elungileyo bakhazimle babengezele njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade.

4 “Kambe ke, wena Daniyeli, ezi ndaba mazibe zezakwamkhozi, uyitywine incwadi leyo kude kube sekusongweni kwamaxesha, xa abaninzi baya kunyuka besihla bezama ukufumana ulwazi oluphangaleleyo ngezi zinto.”

5 Ndaza ke mna Daniyeli ndakhangela, phambi kwam ndabona amanye amadoda amabini emi elunxwemeni lomlambo ngapha nangapha.

6 Enye ke yabuza kweso sithunywa sambethe ilinen, eso sasimi phezu kwamanzi omlambo, yathi: “Ngaba iya kuba lithuba elingakanani ukuze zifezekiswe ezi zinto zimangalisa kangaka?”

7 Ke isithunywa eso sambethe ilinen, eso sasimi phezu kwamanzi omlambo, saphakamisela ezulwini esokunene nesasekhohlo isandla, ndasiva sifunga uThixo uSonini-nanini, sisithi: “Iya kuba lithuba elimisiweyo elingamaxesha amathathu anesiqingatha. Ekufezekeni kwexesha, xa sele bophulwe amandla abantu abangcwele, zonke ezi zinto ziya kuba sezifezekisiwe.”