2 Abaninzi ke kwabo sebelele kobandayo baya kuvuka; abanye babo baya kuvukela ukuxhamla ubomi obungasoze buphele, baze abanye bavukele kubomi behlazo obumanyumnyezi obungenasiphelo.
3 Ke kaloku iinkokheli ezinobulumko ziya kukhanya ziqaqambe njengesibhakabhaka, baze abo bakhokelele abaninzi kwihambo elungileyo bakhazimle babengezele njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade.
4 “Kambe ke, wena Daniyeli, ezi ndaba mazibe zezakwamkhozi, uyitywine incwadi leyo kude kube sekusongweni kwamaxesha, xa abaninzi baya kunyuka besihla bezama ukufumana ulwazi oluphangaleleyo ngezi zinto.”
5 Ndaza ke mna Daniyeli ndakhangela, phambi kwam ndabona amanye amadoda amabini emi elunxwemeni lomlambo ngapha nangapha.
6 Enye ke yabuza kweso sithunywa sambethe ilinen, eso sasimi phezu kwamanzi omlambo, yathi: “Ngaba iya kuba lithuba elingakanani ukuze zifezekiswe ezi zinto zimangalisa kangaka?”
7 Ke isithunywa eso sambethe ilinen, eso sasimi phezu kwamanzi omlambo, saphakamisela ezulwini esokunene nesasekhohlo isandla, ndasiva sifunga uThixo uSonini-nanini, sisithi: “Iya kuba lithuba elimisiweyo elingamaxesha amathathu anesiqingatha. Ekufezekeni kwexesha, xa sele bophulwe amandla abantu abangcwele, zonke ezi zinto ziya kuba sezifezekisiwe.”
8 Ndayiva loo nto sasiyithetha isithunywa, kodwa andayilandela. Ngoko ke ndathi: “Kambe ke, nkosi yam, yoba yintoni isiphelo sayo yonke le nto?”