18 waza wabanxusa ukuba bathandaze kuThixo osezulwini abenzele inceba malunga nale mfihlakalo, ukuze yena nabalingane bakhe bangabulawa kunye nezilumko zaseBhabheli.
19 Kanye ngobo busuku uDaniyeli wayityhilelwa ngombono le mfihlakako, waza ke wambonga uThixo wezulu
20 wathi:“Malidunyiswe igama likaThixo ngonaphakade kanaphakade,kuba bobakhe ubulumko namandla!
21 Nguye umguquli wamaxesha neemeko;nguye obakhiqayo ookumkani,kanti ikwanguye obamisayo.Ngumvathisi wezilumko ngobulumko,azithi jize ngolwazi iingqondi.
22 Nguye umtyhili weentsonkotha ezifihlakeleyo;nezisemnyameni izinto yena uyazazi.Ngenene yena ulikhaya lokukhanya.
23 Wena Thixo woobawo, ndiyakudumisa,ndikubulela kuba wena undizimasile.Undithe jize ngobulumko namandla.Nangoku wena undityhilele,wawuphendula umthandazo wethu.Ewe, usityhilele le nto ifunwa ngukumkani.”
24 Ngoko ke uDaniyeli waya kuAriyoki, umfo owayegunyaziswe ngukumkani ukuba abulale zonke izilumko zaseBhabheli. Kuye ke wafika wathi: “Ungabi sazibulala izilumko zaseBhabheli, koko ndithathe undise kukumkani, ukuze ndimlawulele iphupha lakhe.”