20 Waza ke wayalela ezinye iingwanyalala zomkhosi wakhe ukuba zibaqamangele ooShedreki noMeshaki noAbhednigo, zibaphose kwelo ziko lidangazelayo.
21 Aza ke la madoda abotshwa aphoswa phakathi kwelo ziko livuthayo enxibe ezo mpahla zawo – iminweba, iibhulukhwe, nezankwane.
22 Kwathi, ngenxa yokuba ilizwi lokumkani belingqongqo, iziko lenziwa lashushu ngokugqithisileyo kangangokuba loo madoda ayebaphosa ooShedreki noMeshaki noAbhednigo kwelo ziko atshiswa ngumlilo lowo, afa.
23 Ke bona bobathathu uShedreki noMeshaki noAbhednigo baya kuwa besabotshiwe apho phakathi kweloo ziko livuthayo.
24 Kuthe kusenjalo wothuka wasuka waxhuma emangalisekile ukumkani uNebhukadenezare. Wabuza kumaphakathi akhe, wathi: “Kanene besingaphosanga amadoda amathathu na abotshiweyo kweli ziko lidangazelayo?”Ke aphendula athi: “Kunjalo, mhlekazi.”
25 Ke yena wathi: “Phofu ke, ngani ukuba ndibone amadoda amane ehamba-hamba emlilweni? Akabotshwanga nakubotshwa, futhi akabonakalisi nakwenzakala – ke yona le yesine ifana nonyana woothixo ngembonakalo.”
26 Ngoko ke ukumkani uNebhukadenezare wasondela esangweni lelo ziko livuthayo, wathi: “Shedreki! Meshaki! Abhednigo! Zicaka zikaThixo uPhezukonke! Phumani, nize apha!” Aphuma ke loo madoda omathathu.