8 Ngeli thuba ke amaKaledi athile amangalela inxenye yamaJuda.
9 Abhekisa kukumkani uNebhukadenezare, athi: “Bayethe, mhlekazi! Phila ngonaphakade!
10 Wena uwise umthetho wokuba ze kuthi kusakuvakala isandi sesigodlo, ixilongo, umrhubhe, ikatala, ihapu, impempe, nazo zonke ezinye izixhobo zomculo, wonke umntu akhahlele anqule umfanekiso wegolide.
11 Watsho nokuthi umntu ongakhahlelanga anqule lo mfanekiso uya kuthathwa aphoswe kwiziko elidangazela umlilo.
12 Ke, mhlekazi, kukho amaJuda athile wena owawamisayo angoomaqhuzu kwimicimbi yesi sithili saseBhabheli – abo nguShedreki, uMeshaki, noAbhednigo – abo kanye ke, mhlekazi, abakuhoyanga. Ewe, ababanquli oothixo bakho, bengakhahleli nakulo mfanekiso uwumisileyo.”
13 Ukumkani wavutha ngumsindo, wathi mabaziswe kuye ooShedreki noMeshaki noAbhednigo. Aziswa ke la madoda phambi kokumkani,
14 wabhekisa kuwo wathi: “Shedreki, Meshaki, nawe Abhednigo, ngaba yinyani ukuba nina niyala ukubanqula oothixo bam, ningavumi nokukhahlela kumfanekiso wegolide endiwumisileyo?