1 “Nalu udaba lukakumkani uNebhukadenezare kubantu bazo zonke izizwe neentlanga nazo zonke iilwimi ezikhoyo emhlabeni:“Makube luxolo nenkqubela kuni!
2 “Kubonakele iyinto entle kum ukuba ndinazise ngemiqondiso nemimangaliso andenzele yona uThixo uPhezukonke.
3 “Mikhulu kambe imiqondiso yakhe!Asinto ukurhwaqelisa imimangaliso yakhe!Ulawulo lwakhe ke lona alunasiphelo;ewe, elakhe igunya lihlala lihleli,liqhakamishela izizukulwana ngezizukulwana.
4 “Mna Nebhukadenezare ndandizonwabele ndizihlalele emzini wam, ndingenalo nexhala.
5 Ndaphupha iphupha elandothusayo. Ndathi ndisalele emandlalweni wam ndanemibono neengcingane ezandoyikisayo.
6 Ndaza ke ndathi mazibizwe zonke izilumko zaseBhabheli, ukuze zindityhilele iphupha lam elo.
7 Bathe ke bakufika abenzi bemilingo, oosiyazi, iingcali zeenkwenkwezi, nezanuse, ndazichazela iphupha elo, kodwa ke zoyiswa kukundityhilela intsingiselo yalo.