22 umthi lowo nguwe, mhlekazi. Kaloku wena ukhule wada wangukrwecizulu ngobungangamsha, lwaza ulawulo lwakho lwaya kutsho esiphelweni sehlabathi.
23 Uthe usabukele ke, mhlekazi, kwathi gqi ezulwini isithunywa esingcwele sathi: ‘Gawulani lo mthi niwutshitshise, kodwa nisishiye apho emhlabeni sona isikhondo ndawonye neengcambu zaso, nisiqamangele ngentsimbi nobhedu, sihlale apho phakathi kwengca emadlelweni. Makalalelwe ngumbethe, ahlulelane ngotyani nezilwanyana amaxesha amisiweyo asixhenxe.’
24 “Naku ukuchazwa kwalo ke, mhlekazi – ngenene esi sisimiso asimisele wena uPhezukonke.
25 Wena, kumkani, uza kugxothwa umke phakathi koluntu, uye kuhlala nezilwanyana zasendle, utye ingca njengeenkomo, ulalelwe ngumbethe. Yoba ngamaxesha amisiweyo asixhenxe ude uvume ukuba nguPhezukonke ozilawulayo zonke izirhulumente zabantu, uqonde ukuba yena ulawulo ulunikela nakubani na athanda ukumnika.
26 Njengoko izithunywa zithe isikhondo sineengcambu zaso masishiywe emhlabeni, loo nto ithetha ukuba ulawulo lobuyiselwa kwakuwe, wakuba uvumile ukuba ngulowo usezulwini olawulayo.
27 Ngoko ke, mhlekazi, khawuphulaphule ndikucebise: Zohlwaye ngezono zakho, wenze ubulungisa; yahlukana nobugwenxa bakho, uvelane nabo abantu abahlelelekileyo. Xa kunjalo uya kuhlala uhleli wonwabile.”
28 Yonke le nto yamhlela ukumkani uNebhukadenezare.