3 “Mikhulu kambe imiqondiso yakhe!Asinto ukurhwaqelisa imimangaliso yakhe!Ulawulo lwakhe ke lona alunasiphelo;ewe, elakhe igunya lihlala lihleli,liqhakamishela izizukulwana ngezizukulwana.
4 “Mna Nebhukadenezare ndandizonwabele ndizihlalele emzini wam, ndingenalo nexhala.
5 Ndaphupha iphupha elandothusayo. Ndathi ndisalele emandlalweni wam ndanemibono neengcingane ezandoyikisayo.
6 Ndaza ke ndathi mazibizwe zonke izilumko zaseBhabheli, ukuze zindityhilele iphupha lam elo.
7 Bathe ke bakufika abenzi bemilingo, oosiyazi, iingcali zeenkwenkwezi, nezanuse, ndazichazela iphupha elo, kodwa ke zoyiswa kukundityhilela intsingiselo yalo.
8 Ekugqibeleni ke kwafika kum uDaniyeli, okwabizwa ngokuba nguBhelteshazare, gama elo lilelothixo wam. Ke yena lo mfo wayenomoya woothixo abangcwele.
9 Ndathi kuye: Bhelteshazare, ngqonyela yezilumko, ndiyazi ukuba wena unomoya woothixo abangcwele, yaye ke akukho mfihlakalo ekunqabeleyo. Nali ke iphupha lam; khawundichazele intsingiselo yalo.