6 Ndaza ke ndathi mazibizwe zonke izilumko zaseBhabheli, ukuze zindityhilele iphupha lam elo.
7 Bathe ke bakufika abenzi bemilingo, oosiyazi, iingcali zeenkwenkwezi, nezanuse, ndazichazela iphupha elo, kodwa ke zoyiswa kukundityhilela intsingiselo yalo.
8 Ekugqibeleni ke kwafika kum uDaniyeli, okwabizwa ngokuba nguBhelteshazare, gama elo lilelothixo wam. Ke yena lo mfo wayenomoya woothixo abangcwele.
9 Ndathi kuye: Bhelteshazare, ngqonyela yezilumko, ndiyazi ukuba wena unomoya woothixo abangcwele, yaye ke akukho mfihlakalo ekunqabeleyo. Nali ke iphupha lam; khawundichazele intsingiselo yalo.
10 Nantsi imibono ethe qatha kum engqondweni ndisemandlalweni wam: Nâlo uhalakahla lomthi umi esizikithini sehlabathi.
11 Loo mthi ke wakhula womelela waba mkhulu wada waya kuthi rhece ezulwini, wabonakala eziphelweni zehlabathi jikelele.
12 Wawutsho ngamagqabi amahle kunene, unentaphane yeziqhamo, zibanele xa bebonke abantu. Emthunzini wawo zaziphumla khona zonke iinyamakazi, neentaka zisakhela emasebeni awo. Ewe, loo mthi wawusondla zonke iindidi zezidalwa.