17 Ngenene ke uGabriyeli weza kweli cala ndimi kulo, kwathi esiza njalo mna ndasuka ndawa ndacambalala emhlabeni ndisoyika.Ke yena wabhekisa kum wathi: “Mntundini, yazi ukuba lo mbono ubhekiselele kwixesha lesiphelo.”
18 Ngelo xesha athethayo ke mna ndandilele tywaa zisemkile! Ngoko ke yena wandibamba wandichukumisa ndema ngeenyawo,
19 wathi: “Ndikubonisa izinto eziya kwenzeka ngomhla wokugqibela wengqumbo kaThixo. Kaloku lo mbono ubhekiselele kwixesha elimisiweyo lesiphelo.
20 “Laa nkunzi yegusha uyibonileyo impondo-mbini imele ookumkani bamaMedi nabamaPeshiya.
21 Yona inkunzi yebhokhwe exhonti imele ookumkani bamaGrike. Olwaa gqajolo lophondo luphakathi kwamehlo ngukumkani wokuqala wawo.
22 Eziya mpondo zine ziphumileyo lwakuba lwaphukile oluya lokuqala, zimele imibuso emine eya kuphuma kulawulo lokumkani wokuqala. Yona ke iya kuba nganeno kwalo wokuqala ngokomelela.
23 “Uyabona ke, kuya kuthi xa ulawulo lwaloo mbuso lusiya esiphelweni, xa uvukelo selufikele encotsheni, kuvele ukumkani obuso bungwanyalala, oyincutshe yamaqhinga.