1 Nali ilizwi *likaNdikhoyo elafikela uMika waseMoreshete ngemihla kaJotam noAhazi noHezekiya, ookumkani bakwaJuda, awalibonayo ngokusingisele kwiSamariya neJerusalem:
2 Yivani, nina nonke zizwe;phulaphulani, mhlaba nabo bonke abemiyo kuwo.*UNdikhoyo uSomandla unika ubungqina ngawe;yena uthetha esendlwini yakhe engcwele.
3 Nanko ephuma ekhayeni lakhe;ewe, nanko esiza ehamba ezindaweni eziphakamileyo.
4 Uya kunyathela iintaba zitsho zinyibilike,zibe ngathi ngumthwebeba emlilweni.Uya kunyathela iintili zitsho zimke,kube ngathi kuhl' iimpuphuma zamanzi ethambekeni –
5 nto leyo ihla ngenxa yobugwenxa bukaYakobi;ewe, le nto ingenxa yesono sendlu kaSirayeli.Bubugwenxa buni obu bukaYakobi? AsingoSamariya na?Yiyiphi indawo ephakamileyo yokukhonza *izithixo kwaJuda? AsiyoJerusalem na?
6 “Ngoko ke iSamariya ndoyitsho ibe yimbuqe,ibe yintili yokutyala isidiliya.Loo matye ayo ndowaphosa entilini,iziseko zayo zisale zize.
7 Imifanekiso eqingqiweyo yezithixo zakhona yoba ziingceba;iminikelo kwindlu yokunqula yotshiswa ngomlilo.Ndoyitshabalalisa imifanekiso yezithixo.Kaloku izuzwe ngobuhenyu;yophinda ke ibuyele kwakubuhenyu bengqesho.”