2 Ewe, izizwe ezininzi ziya kuza zithi:“Yizani siye entabeni kaNdikhoyo,endlwini kaThixo kaYakobi.Yena wosifundisa iindlela zakhe,ukuze thina sihambe ngazo.”Kaloku umthetho wophuma eZiyon,liphume eJerusalem ilizwi likaNdikhoyo.
3 Nguye oya kugweba phakathi kwabantu,abe ngumlamli phakathi kwezizwe ezikude nezomeleleyo,wona amakrele awenze amakhuba,yona imikhonto ibe zizitshetshe zokuthena imithi.Kaloku izizwe soze ziphinde ziqulelane ngamakrele,zingasayi kuze ziphinde ziqeqeshelwe imfazwe.
4 Bonke ngabanye bophumla phantsi kwemidiliya yabo,umntu ahlale phantsi komkhiwane wakhe,kungekho namntu uya kuboyikisa.Kaloku uthethile uNdikhoyo uSomandla.
5 Zonke izizwe ziya kuhamba emagameni *oothixo bazo;ke thina siya kuhamba egameni likaNdikhoyo uThixo wethu nanini nanini.
6 Umlomo *kaNdikhoyo uthi:“Ngaloo mini ndiya kuziqokelela neziqhwala,neembacu ngokwazo ndizihlanganise,ngokunjalo nâbo ndibabandezeleyo.
7 Iziqhwala ndozenza amasalela,iimbacu zibe sisizwe esomeleleyo,uNdikhoyo abalawule kwintaba iZiyonkusukela ngaloo mini kuse ephakadeni.
8 Ke wena, nqaba yemboniselo yomhlambi,wena nduli, ntombindini eyiZiyon,wowubuyiselwa umbuso wamandulo;ewe, ubukhosi bobuyiselwa kwintombi eyiJerusalem.”