7 Iziqhwala ndozenza amasalela,iimbacu zibe sisizwe esomeleleyo,uNdikhoyo abalawule kwintaba iZiyonkusukela ngaloo mini kuse ephakadeni.
8 Ke wena, nqaba yemboniselo yomhlambi,wena nduli, ntombindini eyiZiyon,wowubuyiselwa umbuso wamandulo;ewe, ubukhosi bobuyiselwa kwintombi eyiJerusalem.”
9 Ngani ke ukuba ubhomboloze?Ngaba akunaye ukumkani?Ngaba akusenalo na iphakathi,sowupena-pena nje ngokungathi ngumfazi efunyenwe yinimba?
10 Pinyalaza uncwine, ntombindini eyiZiyon,ube ngathi ngumfazi mhla ngenimba,kuba uyaphuma ngoku kwesi sixeko.Uza kuhlala empenge-mpengeni.Uza kuya kwelaseBhabheliapho uya kuhlangulwa khona.Uya kukhululwa nguNdikhoyo khona,akukhuphe esandleni seentshaba zakho.
11 Ngoku ke zininzi izizwe ezihlanganisene ngawe.Zithi: “Ewe, mayixabheleke iZiyon,amehlo ethu akubone oko.”
12 Kodwa ke bona abazazi iingcinga zikaNdikhoyo,necebo lakhe abaliqondi.Yena ubaqokelela njengezithunguingqolowa xa isiya kubhulwa.
13 “Vuka kaloku ubhule, ntombindini iyiZiyon!Ndokunika iimpondo ezingathi yintsimbi,ube neempuphu ezinjengobhedu,izizwe ezininzi uzinyhashe zibe ziintsali,uze loo ngeniso yazo yobutshijolo uyinikele ibe yekaNdikhoyo,ubutyebi bazo buye kwiNkosi yehlabathi lonke.”