1 Hlanganisa umkhosi, wena sixeko sihlaselwayo!Kaloku thina basingqingile.Ke yena umlawuli kaSirayelibaya kumbetha ngentonga esidleleni.
2 “Kambe ke nawe, Bhetelehem yase-Efrata,udeleke unjalo kwizindlu zakwaJuda,kanti ke kwalapha kuwe ndiza kuvelisalowo uya kuba ngumlawuli kaSirayeli,omveli yakhe isukela kwamandulo,kwimihla yasephakadeni.”
3 Ke uSirayeli yena uya kulahlwaade ke lowo ulunywayo abeleke,ke bona abantakwabo babuyebeze bazibandakanye namaSirayeli.
4 Uya kumiselwa ukwalusa umhlambi,enamandla *kaNdikhoyo,enobungangamsha begama likaNdikhoyo uThixo wakhe.Ewe, bona bohlala bekhuselekilekuba kaloku ubungangalala bakhebofikelela nakwiziphelo zehlabathi.
5 Kaloku yena uya kuzisa uxolo.Xa ama-Asiriya elihlasela ilizwe lethu,egaleleka kwiinqaba zethu,sowakhuphela isixhenxe sabelusi –hayi, yoba sisibhozo samatshawe.
6 Ilizwe laseAsiriya aya kulilawula ngekrele,elakwaNimrode alilawule ngamakrele angxashiweyo.Yena uya kusihlangula kuma-Asiriyaxa wona ehlasela ilizwe lethu,xa wona engqisha kwimida yethu.
7 Amasalela kaYakobi oba phakathi kwezizwe ezininzi;oku kombethe ovela kuNdikhoyo,oku komvimbi engceni;kaloku wona awujongi mntu,wona awubalindi oonyana babantu.