4 Uya kumiselwa ukwalusa umhlambi,enamandla *kaNdikhoyo,enobungangamsha begama likaNdikhoyo uThixo wakhe.Ewe, bona bohlala bekhuselekilekuba kaloku ubungangalala bakhebofikelela nakwiziphelo zehlabathi.
5 Kaloku yena uya kuzisa uxolo.Xa ama-Asiriya elihlasela ilizwe lethu,egaleleka kwiinqaba zethu,sowakhuphela isixhenxe sabelusi –hayi, yoba sisibhozo samatshawe.
6 Ilizwe laseAsiriya aya kulilawula ngekrele,elakwaNimrode alilawule ngamakrele angxashiweyo.Yena uya kusihlangula kuma-Asiriyaxa wona ehlasela ilizwe lethu,xa wona engqisha kwimida yethu.
7 Amasalela kaYakobi oba phakathi kwezizwe ezininzi;oku kombethe ovela kuNdikhoyo,oku komvimbi engceni;kaloku wona awujongi mntu,wona awubalindi oonyana babantu.
8 Amasalela kaYakobi oba phakathi kweentlanga –ewe, wona aya kuhlala phakathi kwezizwe ezininzi –oku kwengonyama phakathi kwamarhamncwa ehlathini,oku kwethole lengonyama phakathi kwemihlambi yeegusha –nditsho elihamba linyhasha,liqwenga-qwenga kungekho mhlanguli.
9 Isandla sakho siya kuboyisa ababandezeli bakho,uzitshabalalise zonke iintshaba zakho.
10 Umlomo kaNdikhoyo uthi:“Ngaloo mini ndowatshabalalisa amahashe akho,neenqwelo zakho ndizifohloze.