2 Akasekho amadoda anyanisekileyo emhlabeni;amadoda athe ngqo suka athi shwaka.Akhoyo alalela ukuphalaza igazi;elowo uzingela umntakwabo ngomnatha.
3 Izandla zabo zozibini zinobuchule ekwenzeni ububi.Ooziphathamandla bafunana nezicengo.Abalawuli bathe thwanga kukunyotywa.Izikhulu zifezekisa iminqweno yazo.Ewe, badibene ngokufutha amayelenqe.
4 Noyena ubalaseleyo kubo nqwa nokhula;kunoyena uthembekileyo kubhetele kwabobo.Ngoku igalelekile imini yesohlwayo;yiphaphele oku komlindi.Eli ngoku lixesha lokudideka kwabo.
5 Musa ukuthembela ngommelwane.Hayi, sukubambelela kumhlobo.Ewe ngenene, wabale amazwi akho,nditsho nkqu nakulowo ulele esifubeni sakho.
6 Kaloku noonyana bayabadela ooyise;iintombi zivukelana nabo noonina;umolokazana uvukelana nonina-zala;iintshaba zomntu zoba ngabendlu yakhe.
7 Kambe ke mna ndijonge *kuNdikhoyo;ewe, ndikholosa ngoThixo olusindiso lwam.UThixo wam yena uya kundiva.
8 Nina zintshaba, sanukundivuyelela.Nakuba ndiwile nje ndobuya ndivuke.Ndingade ndibe ngathi ndisebumnyamenikodwa yena *uNdikhoyo kukukhanya kwam.