1 Ngenyanga uNisan kunyaka wamashumi amabini kakumkani uAtashasta, ngethuba lokunikwa kwakhe iwayini, ndayithatha iwayini leyo ndamnika. Ukumkani wayengazange andibone ndilusizi ngaphambili,
2 ngoko ke ukumkani wathi kum: “Ungaguli nje, ngani ke ukuba bunxunguphale kangaka ubuso bakho? Makube ikho into ekuhluphayo entliziyweni.”Ndasuka ndoyika,
3 kodwa ndathi kukumkani: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani! Bebungathini ubuso bam ukungathi rhubaxa xa isixeko abângcwatywa kuso oobawo singamabhodlo, amasango aso etshatyalaliswe ngomlilo?”
4 Ukumkani wathi kum: “Yintoni ke oyifunayo?”Ndathandaza uThixo wamazulu,
5 ndaza ke ndathi kukumkani: “Xa kukholekile kuwe, kumkani, nesicaka sakho esi sisamkeleka kuwe, ndithume kwelakwaJuda kwisixeko abângcwatywa kuso oobawo, ukuze ndisivuse.”
6 Ke ukumkani, enokumkanikazi ecaleni kwakhe, wathi kum: “Loba ngakanani olo hambo; khona, uya kubuya nini?” Kwakholeka ke kukumkani ukundikhulula, ndaza ke ndammisela ixesha.
7 Kananjalo ndathi kuye: “Ukuba uyakholwa, kumkani, uze undinike iileta eziya kubalawuli belentshona ye-Efrati, ukuze bangandithinteli ukudlulela kwelakwaJuda.