2 ngoko ke ukumkani wathi kum: “Ungaguli nje, ngani ke ukuba bunxunguphale kangaka ubuso bakho? Makube ikho into ekuhluphayo entliziyweni.”Ndasuka ndoyika,
3 kodwa ndathi kukumkani: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani! Bebungathini ubuso bam ukungathi rhubaxa xa isixeko abângcwatywa kuso oobawo singamabhodlo, amasango aso etshatyalaliswe ngomlilo?”
4 Ukumkani wathi kum: “Yintoni ke oyifunayo?”Ndathandaza uThixo wamazulu,
5 ndaza ke ndathi kukumkani: “Xa kukholekile kuwe, kumkani, nesicaka sakho esi sisamkeleka kuwe, ndithume kwelakwaJuda kwisixeko abângcwatywa kuso oobawo, ukuze ndisivuse.”
6 Ke ukumkani, enokumkanikazi ecaleni kwakhe, wathi kum: “Loba ngakanani olo hambo; khona, uya kubuya nini?” Kwakholeka ke kukumkani ukundikhulula, ndaza ke ndammisela ixesha.
7 Kananjalo ndathi kuye: “Ukuba uyakholwa, kumkani, uze undinike iileta eziya kubalawuli belentshona ye-Efrati, ukuze bangandithinteli ukudlulela kwelakwaJuda.
8 Uze undiphathise neleta eya kuAsafu umgcini-mahlathi okumkani, ukuze andinike imithi yokwenza imiqadi yamasango enqaba ekufuphi nendlu kaThixo, neyokwakha iindonga zesixeko, ndawonye nendawo yam yokuhlala.” Ngenxa yesandla esikulunga sikaThixo wam esasiphezu kwam ukumkani wazamkela zonke ezo zicelo zam.