Unehemiya 5:7-13 XHO96

7 Ndawetyisa engqondweni lo mcimbi, ndaza ke ndazikhalazela izikhulu namagosa, ndathi: “Nicinezela amawenu ngokutsala ingeniso kwakuwo!” Ngoko ke ndabiza imbizo ukuze ichophele lo mbandela wabo,

8 ndathi: “Senze unako-nako sawakhulula ngokuwathenga amawethu angamaJuda awayethengiswe kwiintlanga. Ngoku ke nina nithengisa ngabo abantakwenu, nisenzela ukuba baphinde bathengiswe kwakuthi.” Kwathi cwaka ke, kuba babengenayo indlela yokuziphendulela.

9 Ndaqhuba ndathi: “Le nto niyenzayo ayilunganga. Ngani ukuba ningamhloneli uThixo, khon' ukuze niziphephe izinyeliso zeentlanga eziziintshaba zethu?

10 Mna nabantakwethu namadoda akwam siyababoleka abantu imali nokudla. Ngoko ke masiyeke ukubaxhaphaza sizuze ingeniso.

11 Khanibabuyisele kwanamhlanje amasimi, izidiliya, izinquma, nezindlu zabo, ngokunjalo nala matyala banibamba wona: isahlulo sekhulu semali, ingqolowa, iwayini, kunye namafutha omnquma.”

12 Ke bona bathi: “Siza kubabuyisela; futhi asisayi kubuya sibahlawulise nto ngaphezulu. Siza kwenza ngokokuthetha kwakho.”Ndaza ke ndabiza ababingeleli, zona izikhulu, namagosa, ndathi mabafunge ukuba baza kusifezekisa isithembiso sabo.

13 Ndawuvuthulula umnweba wam ndisithi: “Ngamana wenjenje uThixo ukuyivuthulula indlu yakhe, kunye naye nabani na onezinto, ongavumiyo ukusifezekisa esi sithembiso. Umntu onjalo makavuthululwe ashiywe eyimpula kalujaca!”Ndithe ke ndakutsho, ibandla lonke lathelela lathi: “*Amen,” lamdumisa uNdikhoyo. Ngenene ke abantu benza ngokwesithembiso sabo.