Unehemiya 5:9-15 XHO96

9 Ndaqhuba ndathi: “Le nto niyenzayo ayilunganga. Ngani ukuba ningamhloneli uThixo, khon' ukuze niziphephe izinyeliso zeentlanga eziziintshaba zethu?

10 Mna nabantakwethu namadoda akwam siyababoleka abantu imali nokudla. Ngoko ke masiyeke ukubaxhaphaza sizuze ingeniso.

11 Khanibabuyisele kwanamhlanje amasimi, izidiliya, izinquma, nezindlu zabo, ngokunjalo nala matyala banibamba wona: isahlulo sekhulu semali, ingqolowa, iwayini, kunye namafutha omnquma.”

12 Ke bona bathi: “Siza kubabuyisela; futhi asisayi kubuya sibahlawulise nto ngaphezulu. Siza kwenza ngokokuthetha kwakho.”Ndaza ke ndabiza ababingeleli, zona izikhulu, namagosa, ndathi mabafunge ukuba baza kusifezekisa isithembiso sabo.

13 Ndawuvuthulula umnweba wam ndisithi: “Ngamana wenjenje uThixo ukuyivuthulula indlu yakhe, kunye naye nabani na onezinto, ongavumiyo ukusifezekisa esi sithembiso. Umntu onjalo makavuthululwe ashiywe eyimpula kalujaca!”Ndithe ke ndakutsho, ibandla lonke lathelela lathi: “*Amen,” lamdumisa uNdikhoyo. Ngenene ke abantu benza ngokwesithembiso sabo.

14 Ngaphezu koko ke, ukusukela kunyaka wamashumi amabini kakumkani uAtashasta, ekumiselweni kwam ukuba ndibe ngumlawuli welakwaJuda, yada yangunyaka wakhe wamashumi mathathu anambini – ishumi elinambini leminyaka emva koko – mna ndawonye namawethu asizange sikutye ukutya okwakusisabelo somlawuli.

15 Kambe ke bona abalawuli abandandulelayo, babemisela abantu uxanduva lomthwalo oyisiliva ebunzima busisahlulo sesihlanu sekhilogram ukongeza ukutya newayini ababeyikhupha. Nabancedisi babo babebaxhaphaza abantu. Kodwa ke mna ngenxa yokuhlonela uThixo andiyenzanga loo nto.