9 Kambe ke nina niluhlanga olukhethekileyo, ababingeleli basebhotwe, isizwe esinyulu, imilowo yakwaThixo. UThixo unikhethele ukuze nivakalise isidima nesihomo sakhe. Kaloku wanibiza nisebumnyameni, wanizisa ekukhanyeni okumangalisayo.
10 Ngoku nilusapho lukaThixo, nangona nanikade ningelulo; benikade nikude nenceba yakhe, kodwa ngoku niyifumene.
11 Ndiyanibongoza, zihlobo zam, kaloku niziimbacu nabaphambukeli kweli lizwe! Ngoko ke phikisanani nayo iminqweno yesimo senu esidala. Kaloku yona ilwa nani ziqu.
12 Izimilo zenu mazibe zihle kangangokuba nabahedeni baniqonde ukuba aninabala. Xa kunjalo ke baya kuthi nokuba bayanityhola ngokungcola, babuye bavume ukuba nimsulwa. Ngaloo ndlela ke baya kumdumisa uThixo ngomhla wokufika kwakhe.
13 Ngenxa yeNkosi wathobeleni onke amagunya akhoyo. Ukumkani mthobeleni njengowongamileyo,
14 nerhuluneli njengomphathiswa wakhe wokohlwaya abonayo, ancome abo balungisayo.
15 Kaloku uThixo ufuna ukuba nithi ngenxa yezimilo ezihle nibatsho basikwe umlomo abo bangaqondiyo, ndawonye nezibhanxa.