9 Belezelanani ningenasikrokro.
10 Umntu onikwe isiphiwo esithile nguThixo makasisebenzise ekuncedeni abanye, njengegosa lokwaba isisa sikaThixo esintlobo-ntlobo.
11 Oshumayelayo makamele uThixo. Oncedisayo makancedise ngamandla awaphiwa nguThixo. Zonke izinto zenzeleni ukuze kunconywe uThixo ngenxa kaYesu Krestu. Kaloku sesakhe isidima namandla nanini nanini. *Amen.
12 Zihlobo zam, sanukumangaliswa yile ngcinezelo ingaka niphantsi kwayo, ngokungathi nibona umhlola.
13 Ndaweni yaloo nto vuyani kuba nani ninenxaxheba kwingcinezelo kaKrestu; nto leyo iya kunenza nichulumache ngakumbi ngomhla wokubonakala kobungangamsha bakhe.
14 Nithamsanqelekile ukuba niyathukwa ngenxa yokuba ningabakaKrestu. Kaloku loo nto icacisa ukuba uMoya osinika isidima, onguMoya kaThixo, unifukamele.
15 Xa nibandezeleka makungabi ngenxa yobugwinta, ukûba, ubuqili, okanye ukuphixanisa.