6 Lowo uthi umanyene naye makaziphathe ngohlobo awayeziphethe ngalo uYesu Krestu.
7 Zihlobo zam ezithandekayo, lo myalelo ndinibhalela wona awumtsha, mdala; ngulowa nawunikwayo kwasekuqalekeni. Lo myalelo mdala ke ludaba eseniluvile.
8 Ewe kambe, lo myalelo ndinibhalela wona mtsha; ubunyani bawo bubonakaliswa nini nanguYesu Krestu. Kaloku ubumnyama buyadlula; ke okona kukhanya sekuvelile.
9 Umntu othi usekukhanyeni, abe kodwa emthiyile uwabo, usesebumnyameni unangoku.
10 Kodwa yena umntu omthandayo uwabo, uhlala ekukhanyeni; yaye akukho nto ikhubekisayo kuye.
11 Kambe yena umntu omthiyileyo uwabo usebumnyameni, uyamfamzela; akazi nalapho aya khona, kuba ubumnyama bummfamekisile.
12 Ndiyanibhalela, bantwana bam, kuba kaloku izono zenu zixolelwe ngenxa kaKrestu.