8 Ewe kambe, lo myalelo ndinibhalela wona mtsha; ubunyani bawo bubonakaliswa nini nanguYesu Krestu. Kaloku ubumnyama buyadlula; ke okona kukhanya sekuvelile.
9 Umntu othi usekukhanyeni, abe kodwa emthiyile uwabo, usesebumnyameni unangoku.
10 Kodwa yena umntu omthandayo uwabo, uhlala ekukhanyeni; yaye akukho nto ikhubekisayo kuye.
11 Kambe yena umntu omthiyileyo uwabo usebumnyameni, uyamfamzela; akazi nalapho aya khona, kuba ubumnyama bummfamekisile.
12 Ndiyanibhalela, bantwana bam, kuba kaloku izono zenu zixolelwe ngenxa kaKrestu.
13 Ndiyanibhalela nani, boyise, kuba kaloku niyamazi lowo wayekho kwasekuqalekeni. Ngokunjalo ndiyanibhalela nani, lutsha, kuba nimoyisile umtyholi.
14 Bantwana, ndinibhalela nje, kungoba niyamazi uBawo. Boyise, ndinibhalela nje, kungenxa yokuba nimazi lowo wayekho kwasekuqalekeni. Lutsha, ndiyanibhalela kuba kaloku nina nomelele, nelizwi likaThixo linifukamele, ibe ke nomtyholi nimoyisile.